Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade

Intshayelelo

Intshayelelo

UThixo ufana nobawo onothando. 1 Petros 5:6, 7

UThixo unguMdali wethu, yaye usikhathalele. Kanye njengokuba ubawo olumkileyo nonothando efundisa abantwana bakhe, uThixo ufundisa abantu bazo zonke iindawo eyona ndlela ibalaseleyo yokuphila.

UThixo usixelela inyaniso ebalulekileyo esenza sonwabe size sibe nethemba.

Ukuba uyamphulaphula uThixo, uya kukukhokela, akukhusele aze akuncede ukwazi ukujamelana neengxaki.

Kodwa ngaphezu koko—uya kuphila ngonaphakade!

 UThixo uthi: ‘Yizani kum. Phulaphulani, nize nihlale niphila.’ Isaya 55:3

 

Funda Okungakumbi

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

Ngaba UThixo Unalo Igama?

UThixo unezibizo ezininzi, ezinye zazo nguSomandla, uMdali nesithi Nkosi. Kodwa igama likaThixo lisetyenziswa ngaphezu kwezihlandlo eziyi-7 000 eBhayibhileni.

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

Ngubani UThixo?

Ngaba uThixo unalo igama, yaye ngaba usikhathalele?