I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015

 EDOMINICAN REPUBLIC

UTrujillo NeCawa YamaKatolika

UTrujillo NeCawa YamaKatolika

BABUNJANI ubuhlobo phakathi kukaTrujillo neCawa yamaKatolika? Omnye umhlalutyi wezopolitiko wathi: “Ngexesha lolawulo olude lukaTrujillo, olwasusela ngo-1930 ukusa ku-1961, iCawa yayilala ngengub’ enye norhulumente waseDominican Republic; uzwilakhe wayeyixhasa iCawa, nayo iluxhasa ulawulo lwakhe.”

Ngo-1954, uTrujillo waya eRoma ukuze asayine isivumelwano noPopu. Omnye umhlobo osenyongweni kaTrujillo, uGermán Ornes, wabhala wathi: “Ekubeni iCawa ingumxhasi omkhulu kaTrujillo, esi sivumelwano siye sayibonisa kakuhle inkxaso yecawa ‘kwiNgqonyela’ [uTrujillo]. Abefundisi ababekhokelwa nguBhishopu oMkhulu uRicardo Pittini no-Octavio Beras, babephakathi kwabantu abaphambili ekusasazeni iingcamango zikarhulumente.”

UOrnes uqhubeka athi, “Thuba ngalinye elivelayo uPopu udlulisela imibuliso efudumeleyo kuTrujillo. . . . Kwintlanganiso  yeCawa yamaKatolika eyayingo-1956 eCiudad Trujillo neyayixhaswe [nguTrujillo] ngemali, uFrancis Cardinal Spellman ummeli okhethekeliyo kaPopu weza nemibuliso evela kuPopu. UCardinal Spellman osuka eNew York wamkelwa njengeqhawe [nguTrujillo] ngokwakhe. Kusuku olulandelayo, olo lwamkelo lwaba kumaphephandaba aseDominican.”

Ngo-1960 imagazini iTime yathi: “De kwangoku, uTrujillo necawa bangamathe nolwimi. UBhishopu Omkhulu eAmericas uRicardo Pittini, oneminyaka eyi-83 nongasaboniyo, kwiminyaka emine edluleyo wabhalela iNew York Times ileta, kuyo wayetyibela uTrujillo esithi ‘lo “zwilakhe” uyathandwa yaye uyahlonelwa ngabantu bakhe.’”

Emva kweminyaka engamashumi amathathu iCawa yamaKatolika ixhasa ubuzwilakhe obukhohlakeleyo bukaTrujillo, yaqalisa ukuzikhwebula njengoko ezopolitiko zazitshintsha. Omnye umhlalutyi uthi: “Njengoko olu lawulo lobuzwilakhe lwaluqalisa ukuchaswa ngamandla, kwaza kamva kwazanywa urhulumente wentando yesininzi kwelo lizwe, iCawa eyayikade inobuhlobo obusenyongweni noTrujillo, yanyanzeleka ukuba ivele phandle ukuba imi phi.”

Ekugqibeleni, ngo-2011 kwanyanzeleka ukuba icele uxolo kubantu baseDominican. Ileta eyacatshulwa kwiphephandaba iDominican Today yathi: ‘Siyavuma ukuba senza impazamo ngokungalugcini ukholo, ubizo lwethu nokungaziphumezi iimbopheleleko zethu. Ngenxa yeso sizathu, sicela uxolo novelwano kubantu baseDominican.’