I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015

 EDOMINICAN REPUBLIC

Uphuma-silwe Uba Ngumkhonzi KaThixo

UJuan Crispín

Uphuma-silwe Uba Ngumkhonzi KaThixo
  • WAZALWA Ngo-1944

  • WABHAPTIZWA Ngo-1964

  • IBALI LOBOMI Owayesakuba nguphuma-silwe ongakholelwayo kubukho bukaThixo, uye wakhonza uYehova ngokuthembeka kule minyaka iyi-50 idluleyo.

NDISENGUMFANA ndadaniswa yimbali yonqulo ezaliswe yintiyo. Ndandingasiqondi isizathu sokuba uThixo angayiphelisi indlala nokungabikho kobulungisa, nesizathu sokuba babe baninzi kangaka abantu becawa abangaphili ngemithetho yeBhayibhile. Ngoko, ndaqalisa ukungakholelwa kubukho bukaThixo, ndicinga ukuba izinto zeli hlabathi zinokulungiswa zezopolitiko.

Ngo-1962, ndaqalisa ukufunda uVukani! ndaza ngo-1963, ndavuma ukufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova. Into endayifundayo yayitshintsha ngokwenene indlela endandicinga ngayo. Ndaqonda ukuba andinakusola uThixo ngenkohlakalo eyenziwa ngamaqela ahlukahlukeneyo onqulo, nokuba unenjongo encumisayo ngoluntu. Kwiinyanga ezimbini emva kokuba ndiqalise ukufunda,  ndaxelela abanye ngoBukumkani bukaThixo obuza kususa le nkqubo yezinto yonakeleyo buze bulawule. Ndabhaptizwa ngo-1964 ndaza ngo-1966 ndaba nguvulindlela okhethekileyo. Ndicinga ukuba inyaniso yabusindisa ubomi bam, kuba oophuma-silwe abaninzi endandikunye nabo bafa kabuhlungu, abanye bavalelwa, ukanti abanye kwafuneka babaleke kweli lizwe. Ndiyambulela uYehova ngokuba wandisusa ekubeni nguphuma-silwe ongenathemba nowayengakholelwa kubukho bakhe, waza wandenza umkhonzi wakhe amthembisa ihlabathi elitsha elinobulungisa.

UMzalwan’ uCrispín uqhuba itekisi yosuku eBheteli