I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015

EDominican Republic

EDominican Republic

NGO-1492, uChristopher Columbus wahamba ngenqanawa esiya kwiHlabathi Elitsha—amazwe abangel’ umdla anobutyebi nezinye izinto ezintle. Wathiya esinye seziqithi awafikela kuzo ngokuthi yiLa Isla Española, okanye iHispaniola, ibe ummandla waso omkhulu yiDominican Republic. Kutshanje, abemi abaninzi beDominican Republic baye baxelelwa ngeyona nto yahluke kakhulu—ihlabathi elitsha elinobulungisa phantsi koBukumkani bukaThixo. (2 Pet. 3:13) Siza kuva ngembali ebangel’ imincili yabantu abangamalungisa abaye bafumana eyona nto inexabiso lokwenene.

KWELI CANDELO

Amagqabantshintshi NgeDominican Republic

Funda amagqabantshintshi ngeli lizwe nabantu abahlala kulo.

Ukukhanya

Kwabathatha ixesha elingakanani abathunywa bevangeli ukuqalisa ukuqhuba isifundo eDominican Republic?

“Siya Kubazi Ngeny’ Imini”

Emva kokuba ebakhangele iminyaka eyi-13, uPablo González wabafumana abantu awayebafuna.

Ukuvalelwa Ejele Nokuvalwa Komsebenzi

Amanye amaNgqina aye ayinyamezela njani kangangeminyaka intlungu yasejele?

Umsebenzi Wokushumayela Uyaqhubeka

Endaweni yokufaka ingxelo yamabuyelo neeyure, abavakalisi bafaka iphepha elinezinto eziza kuthengwa evenkileni ezifana nekhaphetshu kunye nesipinatshi.

Akhululekile, Umsebenzi Uyavalwa Kwakhona

Ngo-1956 amaNgqina kaYehova avunyelwa ukuba aphinde asebenze emva kweminyaka emithandathu umsebenzi wawo uvaliwe, kodwa waphinda wavalwa emva kweenyanga eziyi-11.

UTrujillo NeCawa YamaKatolika

ICawa eyayikade inobuhlobo obusenyongweni noTrujillo, yanyanzeleka ukuba ivele phandle ukuba imi phi yaye kwanyanzeleka ukuba icele uxolo kubantu baseDominican.

Uhlaselo Olukhohlakeleyo

Babezimisele ukuwatshayela amaNgqina, kodwa baphumelela?

Ngubani Inkokeli?

Umatshini wokukopa, inkonkxa, irhonya neecassava zazisetyenziswa ukuze kwenziwe yaye kusasazwe uncwadi lweBhayibhile ngexesha lokuvalwa komsebenzi.

Ukuba Sesichengeni Sokubanjwa

Nangona kwakungavumelekanga ukuba ahlanganisane, amaNgqina aseDominican Republic afumana iindlela ezichuliweyo zokudibana.

Unyamezelo Luzisa Isiqabu

Emva kweminyaka uvaliwe umsebenzi, amaNgqina aseDominican afumana inkululeko kwindawo ayengenakuyicingela.

“Ndalwa Njengengonyama”

ULuis Eduardo Montás, owazama kwade kwakabini ukubulala uzwilakhe welizwe lakhe, wafumana inyaniso yeBhayibhile ngoxa wayeye kwigqirha awayefuna libulale lo zwilakhe.

UBukumkani Abulophupha Njee Kum

UEfraín De La Cruz wayebanjiwe waza wabethwa ngenkohlakalo kwiintolongo ezisixhenxe ngenxa yokushumayela iindaba ezilungileyo. Yintoni eye yamnceda wakwazi ukunyamezela ekukhonzeni uYehova iminyaka engaphezu kweyi-60?

Soze Ndiyeke Ukuba LiNgqina LikaYehova

Umfundisi waxelela uMary Glass ukuba uya kushiywa ziingqondo ukuba ufunda iBhayibhile. Kodwa wazixelela ukuba uza kuyifunda ibe wasibhaqa isizathu sokuba kwakungafunwa ayifunde.

Ukushumayela Ngokukhululekileyo

Emva kokubulawa kukaTrujillo, kwafika abathunywa bevangeli abaninzi baza baqalisa ukushumayela. Ngokuthe ngcembe, bakwazi ukukuphelisa ukungafunwa kwamaNgqina kaYehova

Aseza Kuhlala Apha

Umsebenzi wokushumayela watyhalela phambili nakubeni kwakukho umbhodamo wezopolitiko. Yintoni eyenza kwacaca ukuba amaNgqina kaYehova ‘aseza kuhlala apha’ eDominican Republic?

Kufuneka Abashumayeli Abangakumbi

Sakuba asiyichazanga yonke imbali yamaNgqina kaYehova eDominican Republic ukuba asithethanga ngabo bezayo xa kwakucelwa abavakalisi ukuba baze kushumayela.

Bayabathanda Abazalwana Babo

Emva kokuba elaseDominican Republic lintlithwe yiNkanyamba uGeorges ngo-1998, imigudu eyenziwa ngothando ngamaNgqina yanceda abaninzi yaza yazisa indumiso kuYehova uThixo.

Ukumelana Nolwando

Njengoko ayesiya esanda amaNgqina, enza ntoni ukuze aqiniseke ukuba kukho izakhiwo ezaneleyo zokunqula, kwanabazalwana abaqolileyo abaza kukhokela?

Intsimi YesiCreole SaseHaiti

AmaNgqina kaYehova ashumayeza abantu abathetha isiCreole saseHaiti ngoBukumkani. Ekuhambeni kwexesha, kwasekwa amabandla kwaza kwabakho iiklasi ezifundisa ulwimi lwesiCreole saseHaiti.

Inyikima EHaiti

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eDominican Republic yanceda kangangoko eHaiti xa kwakukho inyikima ngo-2010. Kwanceda amatsha-ntliziyo amaninzi.

Ithemba Elivuyisayo

Ukushumayela nokwenza abafundi eDominican Republic kwaqala ngo-1945. Zininzi izizathu zokukhangela kwikamva eliqaqambileyo.

UYehova Uye Wavula Iintliziyo Zabaninzi

Ngoxa uLeonardo Amor wayeshumayela eLa Vega, akukho mntu waba nomdla enyanisweni. Ngaba zaziya kuze zitshintshe iintliziyo zabo bantu?

Abantu Abayi-22 Bayishiya Icawa

Kwakusithiwa amaNgqina kaYehova abhukuqela abantu baloo dolophu “kwiimfundiso ezibusathanarha.” Kodwa, ayephendula imibuzo yabantu ngeBhayibhile.

Uphuma-silwe Uba Ngumkhonzi KaThixo

UJuan Crispín wayengakholelwa kuThixo ibe wayecinga ukuba zizigalo ezinokulungisa eli hlabathi. Yintoni eyamenza wayeka ukungakholelwa kuThixo kodwa waba ngumkhonzi wakhe?

Waba Ngowokuqala Kwabangevayo Owafumana Inyaniso

UJosé Pérez waba liNgqina lokuqala elingevayo eDominican Republic. UJosé wakwazi njani ‘ukuva’ isigidimi seBhayibhile waza wazazi ngokupheleleyo iimfundiso zeBhayibhile?

Uyifumene Injongo Yobomi

UJosé Estévez nentsapho yakhe bafumana injongo yokwenene yobomi. Bazibonele njani ukuba uYehova nguMzalisekisi wezithembiso zakhe?

Ndandifuna Ukuyeka Ukukhonza UThixo

Nakubeni uMartín Paredes wayefundela ukuba ngumfundisi, wayefuna ukuyeka ukukhonza uThixo. Incwadi awayiboleka kumntu owayesebenza kwicandelo lezimali kwesi sikolo yabutshintsha njani ubomi bakhe?