Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015

 IIMBALASANE ZONYAKA ODLULILEYO

“Sibone Izinto Ezingaqhelekanga”

“Sibone Izinto Ezingaqhelekanga”

Umzalwana oyimfama uyabhaptizwa

NGESINYE isihlandlo uYesu waphilisa indoda engumlwelwe. Ngenxa yoko “bathabatheka ngokugqithiseleyo bonke, bamzukisa uThixo, baza bazaliswa luloyiko, besithi: ‘Sibone izinto ezingaqhelekanga namhlanje!’” (Luka 5:25, 26) Oko uYehova uThixo akuphumezayo namhlanje ehlabathini esebenzisa uNyana wakhe amthandayo, umkhonzi othembekileyo noqondayo, nabanquli bakhe abathembekileyo kusinika isizathu esibambekayo sokuba nathi sithi: “Sibone izinto ezingaqhelekanga.”