Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015

Iimbalasane Zonyaka Odlulileyo

Iimbalasane Zonyaka Odlulileyo

UYehova uThixo waphefumlela umprofeti uIsaya ukuba aprofete athi: “Esikhundleni sobhedu ndiya kuzisa igolide, esikhundleni sentsimbi ndizise isilivere, esikhundleni somthi ubhedu, esikhundleni samatye intsimbi.” (Isa. 60:17) Kulo nyak’ uphelileyo, sizibonele ngokwethu ukuzaliseka kwesi siprofeto. Kanye njengokuba ukususa into engekho mgangathweni uze ubeke esemgangathweni kubonisa ukuphucuka, nawo amaNgqina kaYehova aye azibonela ukuphuculwa kwemicimbi yentlangano kweli xesha lesiphelo.—Mat. 24:3.

KWELI CANDELO

Umsebenzi Uyakhawuleza EWarwick

Khawufunde ngezinto ezicwayitisayo xa bekusakhiwa ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova.

ISebe Lokwakha Nelenza Iiplani Ehlabathini Lonke

Eli sebe litsha linomsebenzi omninzi kakhulu wokukhawulezisa umsebenzi wokwakha izakhiwo ezingaphezulu kwe-13 000.

IBhayibhile Eyomeleleyo

Uhlelo luka-2013 leNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele inomtsalane yaye yomelele.

Eyona Ntlanganiso Inkulu YamaNgqina KaYehova

Abona bantu bakhe babaninzi bahlanganisana kwintlanganiso yonyaka ye-129 yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

Kunikezelwa Isebe LaseSri Lanka

Ucwangciso lwaluqhutywa kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bokufota obusebenza ngeintanethi.

Ingxelo Yezomthetho

AmaNgqina kaYehova asaqhubeka elwela ilungelo lawo lenkululeko yonqulo.

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

Yintoni eyabangela amantombazana amabini aseGeorgia anikele ngemali eyayibekelwe ukuthenga iselfowuni?

“Sibone Izinto Ezingaqhelekanga”

Zeziphi iziganeko zale mihla ezinokufaniswa nemimangaliso yemihla kaYesu?