Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2015

Funda ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova owenziwe ngo-2014 nangembali yawo eDominican Republic.

Umxholo Wonyaka Ka-2015

Umxholo wonyaka ka-2015 ukwiNdumiso 106:1: “Bulelani kuYehova, kuba ulungile.”

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

IQumrhu Elilawulayo libulela onke amaNgqina kaYehova ngenxa yomsebenzi wokuthembeka nokubulaleka eqhutywa luthando ngenxa yoBukumkani.

Umsebenzi Uyakhawuleza EWarwick

Khawufunde ngezinto ezicwayitisayo xa bekusakhiwa ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina kaYehova.

ISebe Lokwakha Nelenza Iiplani Ehlabathini Lonke

Eli sebe litsha linomsebenzi omninzi kakhulu wokukhawulezisa umsebenzi wokwakha izakhiwo ezingaphezulu kwe-13 000.

IBhayibhile Eyomeleleyo

Uhlelo luka-2013 leNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele inomtsalane yaye yomelele.

Eyona Ntlanganiso Inkulu YamaNgqina KaYehova

Abona bantu bakhe babaninzi bahlanganisana kwintlanganiso yonyaka ye-129 yeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania.

Kunikezelwa Isebe LaseSri Lanka

Ucwangciso lwaluqhutywa kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bokufota obusebenza ngeintanethi.

Ingxelo Yezomthetho

AmaNgqina kaYehova asaqhubeka elwela ilungelo lawo lenkululeko yonqulo.

Amagqabantshintshi—Iindaba Ezivela Ehlabathini Lonke

Yintoni eyabangela amantombazana amabini aseGeorgia anikele ngemali eyayibekelwe ukuthenga iselfowuni?

“Sibone Izinto Ezingaqhelekanga”

Zeziphi iziganeko zale mihla ezinokufaniswa nemimangaliso yemihla kaYesu?

EAfrika

Funda iimbalasane zomsebenzi wethu wokufundisa iBhayibhile eAngola, eCongo (eKinshasa), eGhana, eNigeria naseMzantsi Afrika ngo-2014.

Amazwe AseMerika

Funda iimbalasane zomsebenzi wamaNgqina kaYehova wokufundisa ngeBhayibhile eArgentina, eBrazil, eHaiti, eParaguay naseSuriname ngo-2014.

EAsia NakuMbindi-Mpuma

Funda iimbalasane zomsebenzi wamaNgqina kaYehova wokufundisa iBhayibhile eIndonesia, eMongolia nakwiiPhilippines ngo-2014.

EYurophu

Funda iimbalasane zomsebenzi wamaNgqina kaYehova wokufundisa iBhayibhile eBulgaria, eFinland, eJamani, eRomania, eRashiya, eSpeyin naseSweden ngo-2014.

EOceania

Funda iimbalasane zomsebenzi wamaNgqina kaYehova wokufundisa eKiribati, kwiiMarshall Islands, ePapua New Guinea naseVanuatu ngo-2014.

Amagqabantshintshi NgeDominican Republic

Funda amagqabantshintshi ngeli lizwe nabantu abahlala kulo.

Ukukhanya

Kwabathatha ixesha elingakanani abathunywa bevangeli ukuqalisa ukuqhuba isifundo eDominican Republic?

“Siya Kubazi Ngeny’ Imini”

Emva kokuba ebakhangele iminyaka eyi-13, uPablo González wabafumana abantu awayebafuna.

Ukuvalelwa Ejele Nokuvalwa Komsebenzi

Amanye amaNgqina aye ayinyamezela njani kangangeminyaka intlungu yasejele?

Umsebenzi Wokushumayela Uyaqhubeka

Endaweni yokufaka ingxelo yamabuyelo neeyure, abavakalisi bafaka iphepha elinezinto eziza kuthengwa evenkileni ezifana nekhaphetshu kunye nesipinatshi.

Akhululekile, Umsebenzi Uyavalwa Kwakhona

Ngo-1956 amaNgqina kaYehova avunyelwa ukuba aphinde asebenze emva kweminyaka emithandathu umsebenzi wawo uvaliwe, kodwa waphinda wavalwa emva kweenyanga eziyi-11.

UTrujillo NeCawa YamaKatolika

ICawa eyayikade inobuhlobo obusenyongweni noTrujillo, yanyanzeleka ukuba ivele phandle ukuba imi phi yaye kwanyanzeleka ukuba icele uxolo kubantu baseDominican.

Uhlaselo Olukhohlakeleyo

Babezimisele ukuwatshayela amaNgqina, kodwa baphumelela?

Ngubani Inkokeli?

Umatshini wokukopa, inkonkxa, irhonya neecassava zazisetyenziswa ukuze kwenziwe yaye kusasazwe uncwadi lweBhayibhile ngexesha lokuvalwa komsebenzi.

Ukuba Sesichengeni Sokubanjwa

Nangona kwakungavumelekanga ukuba ahlanganisane, amaNgqina aseDominican Republic afumana iindlela ezichuliweyo zokudibana.

Unyamezelo Luzisa Isiqabu

Emva kweminyaka uvaliwe umsebenzi, amaNgqina aseDominican afumana inkululeko kwindawo ayengenakuyicingela.

“Ndalwa Njengengonyama”

ULuis Eduardo Montás, owazama kwade kwakabini ukubulala uzwilakhe welizwe lakhe, wafumana inyaniso yeBhayibhile ngoxa wayeye kwigqirha awayefuna libulale lo zwilakhe.

UBukumkani Abulophupha Njee Kum

UEfraín De La Cruz wayebanjiwe waza wabethwa ngenkohlakalo kwiintolongo ezisixhenxe ngenxa yokushumayela iindaba ezilungileyo. Yintoni eye yamnceda wakwazi ukunyamezela ekukhonzeni uYehova iminyaka engaphezu kweyi-60?

Soze Ndiyeke Ukuba LiNgqina LikaYehova

Umfundisi waxelela uMary Glass ukuba uya kushiywa ziingqondo ukuba ufunda iBhayibhile. Kodwa wazixelela ukuba uza kuyifunda ibe wasibhaqa isizathu sokuba kwakungafunwa ayifunde.

Ukushumayela Ngokukhululekileyo

Emva kokubulawa kukaTrujillo, kwafika abathunywa bevangeli abaninzi baza baqalisa ukushumayela. Ngokuthe ngcembe, bakwazi ukukuphelisa ukungafunwa kwamaNgqina kaYehova

Aseza Kuhlala Apha

Umsebenzi wokushumayela watyhalela phambili nakubeni kwakukho umbhodamo wezopolitiko. Yintoni eyenza kwacaca ukuba amaNgqina kaYehova ‘aseza kuhlala apha’ eDominican Republic?

Kufuneka Abashumayeli Abangakumbi

Sakuba asiyichazanga yonke imbali yamaNgqina kaYehova eDominican Republic ukuba asithethanga ngabo bezayo xa kwakucelwa abavakalisi ukuba baze kushumayela.

Bayabathanda Abazalwana Babo

Emva kokuba elaseDominican Republic lintlithwe yiNkanyamba uGeorges ngo-1998, imigudu eyenziwa ngothando ngamaNgqina yanceda abaninzi yaza yazisa indumiso kuYehova uThixo.

Ukumelana Nolwando

Njengoko ayesiya esanda amaNgqina, enza ntoni ukuze aqiniseke ukuba kukho izakhiwo ezaneleyo zokunqula, kwanabazalwana abaqolileyo abaza kukhokela?

Intsimi YesiCreole SaseHaiti

AmaNgqina kaYehova ashumayeza abantu abathetha isiCreole saseHaiti ngoBukumkani. Ekuhambeni kwexesha, kwasekwa amabandla kwaza kwabakho iiklasi ezifundisa ulwimi lwesiCreole saseHaiti.

Inyikima EHaiti

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eDominican Republic yanceda kangangoko eHaiti xa kwakukho inyikima ngo-2010. Kwanceda amatsha-ntliziyo amaninzi.

Ithemba Elivuyisayo

Ukushumayela nokwenza abafundi eDominican Republic kwaqala ngo-1945. Zininzi izizathu zokukhangela kwikamva eliqaqambileyo.

UYehova Uye Wavula Iintliziyo Zabaninzi

Ngoxa uLeonardo Amor wayeshumayela eLa Vega, akukho mntu waba nomdla enyanisweni. Ngaba zaziya kuze zitshintshe iintliziyo zabo bantu?

Abantu Abayi-22 Bayishiya Icawa

Kwakusithiwa amaNgqina kaYehova abhukuqela abantu baloo dolophu “kwiimfundiso ezibusathanarha.” Kodwa, ayephendula imibuzo yabantu ngeBhayibhile.

Uphuma-silwe Uba Ngumkhonzi KaThixo

UJuan Crispín wayengakholelwa kuThixo ibe wayecinga ukuba zizigalo ezinokulungisa eli hlabathi. Yintoni eyamenza wayeka ukungakholelwa kuThixo kodwa waba ngumkhonzi wakhe?

Waba Ngowokuqala Kwabangevayo Owafumana Inyaniso

UJosé Pérez waba liNgqina lokuqala elingevayo eDominican Republic. UJosé wakwazi njani ‘ukuva’ isigidimi seBhayibhile waza wazazi ngokupheleleyo iimfundiso zeBhayibhile?

Uyifumene Injongo Yobomi

UJosé Estévez nentsapho yakhe bafumana injongo yokwenene yobomi. Bazibonele njani ukuba uYehova nguMzalisekisi wezithembiso zakhe?

Ndandifuna Ukuyeka Ukukhonza UThixo

Nakubeni uMartín Paredes wayefundela ukuba ngumfundisi, wayefuna ukuyeka ukukhonza uThixo. Incwadi awayiboleka kumntu owayesebenza kwicandelo lezimali kwesi sikolo yabutshintsha njani ubomi bakhe?

Iminyaka Elikhulu Edlulileyo—Ngo-1915

Enza njani amaNgqina kaYehova ngexesha lovavanyo olwalandela ngo-1914?