Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova ka-2014

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Imibutho Efihlakeleyo

Imibutho Efihlakeleyo

IMIBUTHO efihlakeleyo ikulo lonke elaseNtshona Afrika ibe amalungu alo afumaneka kwiintlanga neelwimi ezahlukahlukeneyo. Le mibutho ilawula ubomi, imfundo nezopolitiko zamalungu awo. Noko ke, eyona nto ikhuthazwa yile mibutho lunqulo. Imibutho emibini emikhulu yiPoro (yamadoda) neSande (yamabhinqa). * Ngokomzekelo, umbutho iPoro uzama “ukulawula imimoya nokuqinisekisa ukuba uyingenelo kwimicimbi yabantu.”—Initiation, 1986.

Amalungu amatsha ePoro afundiswa ngemimoya ibe aqatshulwa nasemizimbeni. Namalungu amatsha eSande ayafundiswa ngemimoya ibe amabhinqa ayoluswa, nangona eli siko layekwa kwezinye iindawo.

Eminye imibutho efihlakeleyo ilawula nendlela abantu abamele baziphathe ngayo ngokwesini ibe isebenzisa amayeza ukuzama ukunyanga abantu abagula ngengqondo okanye ezinye izigulo. Ebudeni bemfazwe yaseSierra Leone, omnye umbutho wathi iimbumbulu aziwenzi nto amalungu awo. Yayibubuxoki obo.

Amalungu ale mibutho akavumelekanga ukuba adlulisele inkcazelo kubantu abangekho kuwo. Umntu ongayithobeliyo imithetho yombutho ofihlakeleyo usengozini yokufa.

^ isiqe. 3 Kwezinye iindawo iSande yaziwa ngokuba yiBondo.