Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova ka-2014

 ISIERRA LEONE NEGUINEA

Bancedwa Ziibheji ZeNdibano

Bancedwa Ziibheji ZeNdibano

“IINDWENDWE ezingaphezu kwe-1 000 zaya kwiNdibano YeSithili ‘Yokukholosa NgoYehova’ eGuékédou, eGuinea, ngo-1987. Ekubeni le ndibano yayiza kubanjelwa ngakwimida yaseSierra Leone neyeLiberia, iindwendwe ezininzi ezivela kula mazwe zazisiya zibuye suku ngalunye. Kodwa zazingenazo iincwadi zokundwendwela. Ngoko abazalwana abakhokelayo bathetha nabasemagunyeni baza bafikelela kwisivumelwano. Ezi ndwendwe zaziza kusebenzisa iibheji zendibano ukuze ziwele imida! Xa amapolisa akwimida ebona iibheji zendibano eziqaqambileyo eziorenji, ayezivumela ziwele.”—UEverett Berry, owayengumthunywa wevangeli.

Abazalwana bakonwabela ukutya kule ndibano