I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova ka-2014

Ukunikezelwa Kwamasebe

Ukunikezelwa Kwamasebe

Ukunikezelwa Kwamasebe

Ngo-Oktobha 20, 2012, amaNgqina kaYehova eKorea avuya xa izakhiwo zesebe ezilungisiweyo nezakhiwe ngokutsha zanikezelwa kuYehova. Esi yayisisihlandlo esikhethekileyo kuba abazalwana bakwazi ukukhumbula inkonzo yokuthembeka yeminyaka eyi-100. Ukongezelela, ngo-2012, okwesihlandlo sokuqala inani labavakalisi ladlula ku-100 000. Amavolontiya asekuhlaleni amalunga nayi-1 200 namanye aphesheya ayi-239 asuka kumazwe asithoba akha indawo yokuhlala entsha, isakhiwo sokuprinta, istudiyo negaraji yokulungisa iimoto. Izakhiwo ezininzi zahlaziywa.

Kwintetho yonikezelo ekhuthazayo ka-Anthony Morris, olilungu leQumrhu Elilawulayo kweza abazalwana noodade abayi-3 037. Ngosuku olulandelayo, kwabakho  intlanganiso ekhethekileyo kwiholo elikhulu lemiboniso, ibe abantu abangaphezu kwabayi-1 300 bamabandla aseKorea babukela kwi-Intanethi. AmaNgqina kaYehova nabantu abanomdla abayi-115 782 baluvuyela olu cwangciso lokomoya.

Umhla kaMatshi 9, 2013, awusoze ulibaleke kwimbali yabakhonzi bakaYehova eLiberia. Kweza abantu abavela kumazwe ayi-11 xa kwakunikezelwa iofisi yesebe ehlaziyiweyo neyandisiweyo. Bakuvuyela ukuva intetho yokunikezela eyayinikelwa nguGuy Pierce, ilungu leQumrhu Elilawulayo. Emva kweminyaka engaphezu kwelishumi umsebenzi ulityaziswa yimilo kweli lizwe, isebe landiswa ibe laliquka isiza esiselumelwaneni esasisetyenziswa ngabavukeli-mbuso njengendawo yokuzimela. Amalungu entsapho yaseBheteli ayi-51 ayakuvuyela ukusebenzisa indawo yokuhlala enamagumbi ayi-35, iiofisi ezihlaziyiweyo, isakhiwo sokuthumela iincwadi esitsha,  isakhiwo sokulungisa izinto, igumbi lokutyela nekhitshi elitsha.

Abantu abahlala kwiRiphabliki yaseGeorgia banobubele yaye bathanda uThixo. Emva kokubhanga kweSoviet Union, kwabakho ixesha lolwando olukhulu elalandelwa lelentshutshiso ekrakra. Le ntshutshiso seyadamba. Enye into eyayiyimbalasane kumaNgqina kaYehova eGeorgia kukunikezelwa kwesebe nguDavid Splane weQumrhu Elilawulayo, ngoMgqibelo, Aprili 6, 2013, wanikela intetho enikezela isebe leli lizwe elilungisiweyo laza landiswa, iHolo yeNdibano kunye nendawo eza kuba neSikolo Sabavangeli BoBukumkani neSikolo Sabaveleli Abahambahambayo Nabafazi Babo. Olu cwangciso lwaphulaphulwa ziindwendwe eziyi-338 ezisuka kumazwe ayi-24 namaNgqina aseGeorgia angaphezu kwayi-800.

EGeorgia

Ngosuku olulandelayo, uMzalwan’ uSplane wanikela intetho ekhethekileyo eyamanyelwa ngabantu abayi-15 200, ibe abasemabandleni babeyibukele ngevidiyo okanye beyiphulaphule kwifowuni. Esi siganeko sabachukumisa abant’ abaninzi. Omnye umzalwana oselula wathi, “Ngoku ndazi kakuhle ukuba kuza kuba njani kwihlabathi elitsha.”

NgoJuni 29, 2013, eBheteli kwanikezelwa isakhiwo esitsha esineeofisi nesinemigangatho emithathu, eYangon, eMyanmar. UGuy Pierce weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yonikezelo kubantu abayi-1 013 kuquka iindwendwe ezisuka kwamanye amazwe ayi-11. Iqela labazalwana noodade baseMyanmar elalabelwe ukuba lamkele iindwendwe kwiSikhululo Seenqwelo-moya Samazwe Ngamazwe SaseYangon ladibana nendoda esuka kwilizwe apho umsebenzi wamaNgqina kaYehova uvaliweyo khona. Isalatha kwibhodi ethi, “Namkelekile maNgqina KaYehova” le ndoda yabuza: “Namkela  amangqina aze kuxoxa ityala elithile?” Baphendula bathi: “Hayi, samkela abahlobo bethu.” Le ndoda yabuza, “ngubani lo Yehova ubhalwe apha?” Abazalwana noodade bayishumayeza le ndoda. Ngosuku olulandelayo, kwaqhutywa intlanganiso ekhethekileyo eMyanmar Convention Center, apho uMzalwan’ uPierce wanikela intetho enomxholo othi, “Khonza UYehova Ngentliziyo Eqondayo.” Iindawo ezintandathu zaluphulaphula efowunini ucwangciso, ibe yayingabantu abayi-2 963 ababephulaphule le nkcazelo ifike ngexesha elifanelekileyo. Omnye umqhubi webhasi owayeqhubela abazalwana noodade basekuhlaleni ababesiya kule ntlanganiso ikhethekileyo wathi: “Ndiphawule ukuba ningabantu abangafaniyo nabanye abantu bezinye iicawa. Ninesimilo, ninxiba kakuhle ibe ninobubele. Ndidla ngokuqhubela abantu abaninzi, kodwa andizange ndakha ndababona abantu abanje!”

EMyanmar: Abavakalisi bamkela iindwendwe kucwangciso lonikezelo lwesebe

 UStephen Lett weQumrhu Elilawulayo wanikela intetho yokunikezela iofisi yesebe eyandisiweyo ngoLwesithathu, ngoJulayi 3 2013. Abakhonzi abanyanisekileyo bakaYehova eMoldova bavuya kakhulu. Kongezwe isakhiwo esinemigangatho emithathu esinendawo yokothula iincwadi namagumbi okuhlala ayi-10 kuquka neHolo yoBukumkani enemigangatho emibini esetyenziswa ngamabandla asixhenxe. Amalungu ayi-33 entsapho yaseBheteli eMoldova akuvuyela ukwamkela iindwendwe ezivela eJamani, eIreland, eNetherlands, eRomania, eRashiya, eUkraine naseUnited States. Phakathi kwabantu ababekho yayingabazalwana noodade abaliqela abakhonza uYehova ngokuthembeka ngexesha laxa umsebenzi wawuvaliwe, abanye babo babencedise ekukhupheleni nasekusasazeni uncwadi ngelo xesha. Abanye ababekho ngabantu abaninzi ababegxothelwe eSiberia nabazali babo xa kwakutshutshiswa amaNgqina kaYehova eSoviet Union. NgeCawa, uMzalwan’ uLett wanikela intetho echukumisayo eyatolikwa ngesiRomania nesiRashiya kubantu abayi-14 705—elona nani likhulu lamaNgqina kaYehova akha ahlanganisana eMoldova.

Qhubekani Nithandaza, Ningayeki

UYesu wabalaselisa isibakala sokuba simele ‘sithandaze singayeki.’ (Luka 18:1) Xa uthandaza womeleza ukholo lwakho. Ngoko kufuneka ‘uthandaze ngokungapheziyo uzingise.’ (1 Tes. 5:17; Roma 12:12) Njengoko usenjenjalo ngamana ‘uThixo woxolo . . . angakuxhobisa ngento yonke elungileyo ukuze wenze ukuthanda kwakhe, esenza kuwe ngoYesu Kristu.’—Heb. 13:20, 21.