Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Imibuzo Eli-10 Yolutsha Iyaphendulwa

 UMBUZO 7

Ndimthini Umntu Ofuna Silale Singatshatanga?

Ndimthini Umntu Ofuna Silale Singatshatanga?

KUTHENI KUBALULEKILE?

Imiphumo yesigqibo osenzayo ngokulala nomntu ongatshatanga naye iya kuhlala nawe ubomi bakho bonke.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Khawucinge ngoku: Ziinyanga nje ezimbini uHeather noMike bethandana, kodwa kuHeather ingathi kudala besazana. Babhalelana ngefowuni, bancokola ixesha elide efowunini yaye batheth’ intw’ evanayo! Kodwa ngoku uMike ufuna okungakumbi.

Kwezi nyanga zimbini zidluleyo, uMike noHeather bebebambana nje ngezandla baze baphuzane. UHeather ebefuna nje kuphelele apho. Akafuni kwahlukana noMike. Xa ekunye naye uzibona emhle yaye ebalulekile. Uthi, ‘Mna noMike siyathandana . . . ’

Ukuba ubukwimeko kaHeather ube umdala ngokwaneleyo ukuba ungathandana, ubuza kuthini?

CINGA!

Ukulala nendoda okanye nomntu obhinqileyo sisipho uThixo asinike abantu abatshatileyo kuphela. Xa ulala nomntu ongatshatanga naye usisebenzisa kakubi eso sipho. Kufana nokucoca ngento enxitywayo entle oyiphiweyo

Ukuba awuwuthobeli umthetho wendalo, onjengokuba xa utsiba kumngxuma omkhulu uza kutshona, uza kwenzakala. Kuya kwenzeka okufanayo naxa ungawuthobeli umthetho wendlela ofanele uziphathe ngayo, njengalo uthi: “Nikhwebuke kuhenyuzo.”—1 Tesalonika 4:3.

Iba yintoni imiphumo yokungawuthobeli lo mthetho? IBhayibhile ithi: “Lowo uqhelisela uhenyuzo wona nxamnye nomzimba wakhe.” (1 Korinte 6:18) Ayinyaniso kangakanani la mazwi?

 Abaphengululi baye bafumanisa ukuba ulutsha oluninzi oluye lwalala nomntu olungatshatanga naye lwehlelwe yenye yezi zinto zibuhlungu.

  • INTLUNGU ENGANYAMEZELEKIYO. Ulutsha oluninzi oluye lwalala nomntu olungatshatanga naye luye lwazisola emva koko.

  • UKUNGATHEMBANI. Emva kokuba umfana elele nentombi, ngamnye kubo uye azibuze, ‘Ngubani omnye akhe walala naye?’

  • UKUDANA. Amantombazana ebenokufuna ukuthandana nomntu oza kuwakhusela, hayi oza kudlala ngawo. Bona abafana abaninzi baye baphelelwe ngumdla kwintombazana evuma lula xa befuna ukulala nayo.

  • Nantsi eyona nto ibalulekileyo: Ukuba ulala nomntu ongatshatanga naye, uya kulahlekelwa yeyona nto ibalulekileyo, nto leyo eya kubangela ihlazo. (Roma 1:24) Umzimba wakho uxabiseke gqitha ukuba ungasuka nje uphise ngawo!

Zibonakalise ukuba uzimisele ukuthobela umthetho kaThixo othi “nikhwebuke kuhenyuzo.” (1 Tesalonika 4:3) Ngenye imini uya kutshata, uze ulale nomyeni okanye nenkosikazi yakho. Niya kulala nonwabile, ningenaxhala kwaye ningazisoli, nto leyo engenzekiyo xa abantu abangatshatanga belele kunye.—IMizekeliso 7:22, 23; 1 Korinte 7:3.

 Ucinga Ntoni?

  • Ngaba umntu okuthanda ngokwenene angayibeka engozini ngolo hlobo impilo yakho neemvakalelo zakho?

  • Ngaba umntu okukhathalele nyhani angakwenza wonakalise ubuhlobo bakho noThixo?—Hebhere 13:4.