I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

 Isifundo 8

Kutheni UThixo Evumela Ubungendawo Nokubandezeleka?

Kutheni UThixo Evumela Ubungendawo Nokubandezeleka?

UThixo uye wanika abalawuli abangabantu ixesha elaneleyo ukuze abonise ukuba abanakukwazi ukulungisa iingxaki zoluntu

1. Baqala njani ubungendawo?

Ubungendawo baqala emhlabeni xa uSathana waxoka okokuqala. Ekuqaleni, uSathana wayeyingelosi efezekileyo, kodwa ‘akazange eme enyanisweni.’ (Yohane 8:44) Wanqwenela ukunqulwa, nto leyo eyayifanele yenziwe kuThixo kuphela. USathana waxokisa umfazi wokuqala, uEva, waza wamphembelela ukuba athobele yena kunokuba athobele uThixo. NjengoEva, noAdam akazange amthobele uThixo. Isigqibo sika-Adam sabangela ukuba kubekho intlungu nokufa.—Funda iGenesis 3:1-6, 19.

Xa uSathana waxelela uEva ukuba angamthobeli uThixo, wayeqalisa ukuvukela ulongamo lukaThixo, okanye isigxina sakhe njengOyena Uphakamileyo. Inkoliso yabantu iye yathelela uSathana ekungamthobelini uThixo njengoMlawuli. Ngenxa yoko, uSathana uye waba ‘ngumlawuli wehlabathi.’—Funda uYohane 14:30; 1 Yohane 5:19.

2. Ngaba kwakukho into ephosakeleyo ngendalo kaThixo?

Yonke imisebenzi kaThixo igqibelele. Abantu neengelosi ezadalwa nguThixo zazikwazi ukumthobela ngokupheleleyo. (Duteronomi 32:4, 5) UThixo wasidala sanenkululeko yokuzikhethela phakathi kokulungileyo nokubi. Loo nkululeko isinika ithuba lokubonisa uThixo ukuba siyamthanda.—Funda uYakobi 1:13-15; 1 Yohane 5:3.

3. Kutheni uThixo evumele ukubandezeleka kude kube ngoku?

UYehova uye wavumela imvukelo kulongamo lwakhe kangangexesha elithile. Ngoba? Ukuze kubonakale ukuba akakho omnye umlawuli onokulawula ngokuphumelelayo  ngaphandle kwakhe. (INtshumayeli 7:29; 8:9) Emva kweminyaka engama-6 000 yembali yoluntu, ubungqina buzicacele. Abalawuli abangabantu abakwazanga ukuphelisa iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, ukungabikho kokusesikweni okanye izifo.—Funda uYeremiya 10:23; Roma 9:17.

Ngokungafaniyo nabalawuli abangabantu, ulawulo lukaThixo lunceda abaluthobelayo. (Isaya 48:17, 18) Kungekudala, uYehova uza kuphelisa bonke oorhulumente babantu. Ngabantu abakhetha ukulawulwa nguThixo kuphela abaza kuhlala emhlabeni.—Isaya 11:9.—Funda uDaniyeli 2:44.

Ukhetho lwethu lubonisa enoba siyafuna kusini na ukulawulwa nguThixo

4. Umonde kaThixo usinika ithuba lokwenza ntoni?

USathana wathi akukho mntu unokukhonza uYehova kuba emthanda. Ngaba akungethandi ukumngqina elixoki? Unako! Umonde kaThixo usinika ithuba lokubonisa ukuba sifuna ukulawulwa nguThixo okanye ngumntu. Oko sikubonisa kwindlela esiphila ngayo.—Funda uYobhi 1:8-12; IMizekeliso 27:11.

5. Sinokumkhetha njani uThixo njengoMlawuli wethu?

Sinokukhetha ukulawulwa nguThixo ngokumnqula ngenyaniso esekelwe kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. (Yohane 4:23) Sinokumchasa uSathana ngokungabi nanxaxheba kwezopolitiko nakwiimfazwe, njengoko uYesu wenzayo.—Funda uYohane 17:14.

USathana usebenzisa amandla akhe ukuze akhuthaze ukuziphatha okubi okwenzakalisayo. Xa siyiphepha loo ndlela yokuziphatha, abanye abahlobo nezalamane zethu zisenokusigculela okanye zisichase. (1 Petros 4:3, 4) Ngoko kufuneka sikhethe. Ngaba siza kunxulumana nabantu abathanda uThixo? Ngaba siza kuyithobela imithetho yakhe yobulumko asinike kuba esithanda? Ukuba senjenjalo, siya kubonisa ukuba uSathana wayexoka xa wayesithi akakho umntu onokumkhonza uThixo xa kunzima.—Funda eyoku-1 yabaseKorinte 6:9, 10; 15:33.

Indlela uThixo abathanda ngayo abantu isiqinisekisa ukuba ubungendawo nokubandezeleka kuza kuphela. Abo babonisa ukuba bayakukholelwa oku baya kunandipha ubomi emhlabeni ngonaphakade.—Funda uYohane 3:16.

 

Funda Okungakumbi

Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?

Abantu abaninzi bacing’ ukuba kufanele kutyholwe uThixo ngako konke ukubandezeleka okusemhlabeni. Uthini wena? Funda ukuba uThixo uthi ziyintoni izizathu ezibangela ukuba avumele ukubandezeleka.