I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

 Isifundo 13

Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngonqulo?

Ziziphi Iindaba Ezimnandi Ngonqulo?

1. Ngaba lonke unqulo lulungile?

Ngokuqinisekileyo kuzo zonke iicawa bakho abantu abanyanisekileyo. Iindaba ezimnandi zezokuba uThixo uyababona abo bantu yaye ubakhathalele. Kodwa okubuhlungu kukuba kuye kwenziwa ukungcola okuninzi egameni lonqulo. (2 Korinte 4:3, 4; 11:13-15) Ngokutsho kweendaba, ezinye iicawa zifak’ isandla kubugrogrisi, ekubulaweni kwabantu, iimfazwe nokuxhatshazwa kwabantwana. Oku kubenza buhlungu abantu abakholelwa kuThixo ngokunyanisekileyo!—Funda uMateyu 24:3-5, 11, 12.

Ngoxa unqulo lokwenyaniso luzukisa uThixo, lona olobuxoki alumkholisi. Luneemfundiso ezingekhoyo eBhayibhileni, eziquka ukuxoka ngoThixo kwanangabafi. Kodwa uYehova ufuna abantu bayazi inyaniso ngaye.—Funda uHezekile 18:4; 1 Timoti 2:3-5.

2. Ziziphi iindaba ezimnandi ngonqulo?

Okuvuyisayo kukuba, uThixo akaqhathwa ziicawa ezithi ziyamthanda zibe zithanda ihlabathi likaSathana. (Yakobi 4:4) ILizwi likaThixo lichaza lonke unqulo lobuxoki ‘njengeBhabhiloni Enkulu.’ IBhabhiloni yayisisixeko samandulo olwaqala kuso unqulo lobuxoki emva koMkhukula kaNowa. Kungekudala, uThixo uza kuluphelisa luthi tu lonke unqulo oluqhatha nolucinezela abantu.—Funda iSityhilelo 17:1, 2, 5, 16, 17; 18:8.

Zisekho nezinye iindaba ezivuyisayo. UYehova akabalibalanga abantu abanyanisekileyo abasasazeke kunqulo lobuxoki ehlabathini lonke. Umanyanisa abantu abanjalo ngokubafundisa inyaniso.—Funda uMika 4:2, 5.

Unqulo lokwenyaniso lumanyanisa abantu

 3. Yintoni abamele bayenze abantu abanyanisekileyo?

UYehova uyabathanda abantu abathanda inyaniso nokulunga. Ubalumkisa ukuba balunikele umva unqulo lobuxoki. Abantu abamthandayo uThixo bafuna ukwenza utshintsho olumkholisayo.—Funda iSityhilelo 18:4.

Ngenkulungwane yokuqala, xa abantu abanyanisekileyo beva iindaba ezilungileyo kubapostile, bavuya. UYehova wabafundisa indlela entsha yokuphila, ukuphila okuvuyisayo, okunenjongo nethemba. Basimisela umzekelo omhle kuba basabela kwiindaba ezilungileyo ngokubeka uYehova kuqala ebomini babo.—Funda eyoku-1 yabaseTesalonika 1:8, 9; 2:13.

UYehova uyabamkela kwintsapho yakhe abo baye balushiya unqulo lobuxoki. Ukuba uyasamkela isimemo sikaYehova esifudumeleyo, uya kuba ngumhlobo wakhe, ube lilungu lentsapho entsha nenothando yabantu bakaYehova, uze uzuze ubomi obungunaphakade.—Funda uMarko 10:29, 30; 2 Korinte 6:17, 18.

4. UThixo uya kubavuyisa njani abantu abakumhlaba wonke?

Umgwebo ozayo wonqulo lobuxoki uziindaba ezilungileyo. Uya kuzisa isiqabu kuyo yonke ingcinezelo yehlabathi. Unqulo lobuxoki alusayi kuphinda lulahlekise luze lwahlukanise abantu. Bonke abantu baya kumanyana ekunquleni okuphela koThixo oyinyaniso.—Funda iSityhilelo 18:20, 21; 21:3, 4.

 

Funda Okungakumbi

Unqulo Olumkholisayo UThixo

Izinto ezintandathu ezifanisa unqulo lokwenyaniso.

Lumele Ngokuqinileyo Unqulo Lokwenyaniso

Ziziphi iingxaki onokudibana nazo xa uchazela abanye ngeenkolelo zakho? Ungathetha njani ngazo ungakhange ukhubekise mntu?