I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

 Isifundo 11

Isinceda Njani Imigaqo YeBhayibhile?

Isinceda Njani Imigaqo YeBhayibhile?

Imigaqo yeBhayibhile isinceda njani siluphaphele ukhuseleko?—INDUMISO 36:9.

1. Kutheni sifuna ukhokelo?

UMdali wethu ulumkile kunathi. Usikhathalele njengoBawo onothando. Kwangaxeshanye yayingeyonjongo yakhe ukuba sizimele. (Yeremiya 10:23) Kanye njengokuba umntwana efuna ukukhokelwa ngabazali, sonke sifuna ukukhokelwa nguThixo. (Isaya 48:17, 18) Imigaqo yeBhayibhile inolwalathiso olusisipho esivela kuThixo.—Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16.

Imithetho nemigaqo kaYehova isifundisa eyona ndlela ibalaseleyo esinokuphila ngayo ngoku ize isibonise indlela esinokuwuzuza ngayo umvuzo wobomi obungunaphakade. Ekubeni sadalwa nguThixo, kusengqiqweni ukulwamkela ukhokelo lwakhe.—Funda iNdumiso 19:7, 11; ISityhilelo 4:11.

2. Iyintoni imigaqo yeBhayibhile?

Imigaqo yeBhayibhile ziinyaniso ezisisiseko. Kwelinye icala, imithetho isenokwenzelwa iimeko ezithile. (Duteronomi 22:8) Simele sisebenzise ingqiqo ukuze siqonde indlela umgaqo osebenza ngayo kwimeko ethile. (IMizekeliso 2:10-12) Ngokomzekelo, iBhayibhile ifundisa ukuba ubomi busisipho esivela kuThixo. Loo mgaqo usisiseko unokusikhokela xa sisemsebenzini, ekhaya naxa sisendleleni. Usibangela ukuba siluphaphele ukhuseleko.—Funda iZenzo 17:28.

3. Yiyiphi imigaqo emibini eyintloko?

UYesu wathetha ngemigaqo emibini ebalulekileyo. Owokuqala uthetha ngeyona njongo yobomi bomntu—ukwazi uThixo, ukumthanda nokumkhonza  ngokuthembeka. Kuzo zonke izigqibo esizenzayo, simele sicinge ngalo mgaqo wokuqala. (IMizekeliso 3:6) Abo bawugcinayo lo mgaqo baba ngabahlobo bakaThixo, bafumana ubomi obungunaphakade nolonwabo lokwenene.—Funda uMateyu 22:36-38.

Umgaqo wesibini unokusinceda sibe seluxolweni nabanye. (1 Korinte 13:4-7) Xa sisebenzisa lo mgaqo wesibini, sibaphatha abanye ngendlela uThixo abaphatha ngayo.—Funda uMateyu 7:12; 22:39, 40.

4. Isinceda njani imigaqo yeBhayibhile?

Imigaqo yeBhayibhile ifundisa iintsapho ukuba zimanyaniswe luthando. (Kolose 3:12-14) ILizwi likaThixo likwakhusela iintsapho ngokuzifundisa omnye umgaqo—owokuba umtshato umele ungaqhawulwa.—Funda iGenesis 2:24.

Ukuthobela imigaqo yeBhayibhile kunokusikhusela emizimbeni nakwiimvakalelo. Ngokomzekelo, abaqeshi badla ngokuthanda abasebenzi abaphila ngemigaqo yeBhayibhile yokunyaniseka nokuzimisela emsebenzini. (IMizekeliso 10:4, 26; Hebhere 13:18) ILizwi likaThixo lisifundisa ukuba sanele zizinto eziyimfuneko size sibuxabise ubuhlobo bethu noThixo ngaphezu kwezinto eziphathekayo.—Funda uMateyu 6:24, 25, 33; 1 Timoti 6:8-10.

Ukuphila ngemigaqo yeBhayibhile kunokukhusela impilo yethu. (IMizekeliso 14:30; 22:24, 25) Ngokomzekelo, ukuthobela umthetho kaThixo onxamnye nokunxila kuyasikhusela kwizifo ezibulalayo nakwiingozi. (IMizekeliso 23:20) UYehova uyasivumela ukuba sibusele utywala, kodwa sibe ngcathu. (INdumiso 104:15; 1 Korinte 6:10) Imigaqo kaThixo iyasinceda kuba isifundisa ukuba singalumkeli nje izenzo zethu kodwa nezinto esizicingayo. (INdumiso 119:97-100) Sekunjalo, amaKristu okwenyaniso akahloneli imigaqo kaThixo ukuze ancede wona nje kuphela. Azukisa uYehova.—Funda uMateyu 5:14-16.

 

Funda Okungakumbi

Ukuphila Ngendlela Ekholisa UThixo

Ngaba inokwenzeka into yokuba siphile ubomi akholiswa bubo uYehova. Unokuba ngumhlobo wakhe.

Imbono KaThixo Ngobomi

UThixo ukujonga njani ukuqhomfa, ukutofelw’ igazi nobomi besilwanyana?

Cela Ukufundelwa IBhayibhile

Fumana izifundo zeBhayibhile simahla ngexesha nakwindawo ekulungeleyo.