I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile—Sithini Isigidimi Sayo?

 ICANDELO 11

Iingoma Eziphefumlelweyo Ezithuthuzelayo Nezifundisayo

Iingoma Eziphefumlelweyo Ezithuthuzelayo Nezifundisayo

UDavide nabanye baqamba iingoma ezaziza kusetyenziswa ekunquleni. Kwincwadi yeeNdumiso kukho ezili-150

EYONA ncwadi inkulu eBhayibhileni iqulethe iingoma ezingcwele. Le ncwadi yabhalwa isithuba esimalunga neminyaka eli-1 000. Incwadi yeeNdumiso inawona mazwi achukumisayo okuvakalisa ukholo awakha abhalwa. Kuyo kuchazwa iimvakalelo ezahlukahlukeneyo zabantu, uvuyo, indumiso, umbulelo, intlungu, usizi nenguquko. Kuyacaca ukuba abadumisi babemthembile uThixo yaye benolwalamano olusondeleyo kunye naye. Makhe siqwalasele eminye imixholo yezi ngoma.

UYehova nguMongami olungileyo, okufanelekeleyo ukunqulwa nokudunyiswa. KwiNdumiso 83:18 sifunda oku: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Iindumiso ezininzi zidumisa uYehova ngemisebenzi yakhe yendalo, njengeenkwenkwezi ezisezulwini, izinto eziphila emhlabeni, nendlela emangalisayo umntu adalwe ngayo. (INdumiso 8; 19; 139; 148) Ezinye zizukisa uYehova njengoThixo osindisa aze akhusele abo banyanisekileyo kuye. (INdumiso 18; 97; 138) Ezinye zimbalaselisa njengoThixo wokusesikweni, othuthuzela abacinezelekileyo aze ohlwaye abangendawo.—INdumiso 11; 68; 146.

UYehova uyabanceda aze abathuthuzele abo bamthandayo. Mhlawumbi eyona ndumiso idumileyo yeyama-23, apho uDavide achaza uYehova njengoMalusi onothando, ozikhokelayo, azikhusele aze azinyamekele izimvu zakhe. INdumiso 65:2 ikhumbuza abanquli bakaThixo ukuba uYehova ‘ngumphulaphuli wemithandazo.’ Abantu abaninzi abenze isono esinzulu baye bathuthuzelwa yiNdumiso 39 neyama-51, apho uDavide athetha ngokunyanisekileyo ngendlela aguquke ngayo kwizono ezinzulu azenzileyo nalapho athetha khona ngokuxolelwa kwakhe nguYehova. INdumiso 55:22 isibongoza ukuba sithembele kuYehova size silahlele kuye wonke umthwalo esinawo.

NgoBukumkani bukaMesiya uYehova uya kuliguqula ihlabathi. Iindinyana ezininzi kwiiNdumiso zibhekisela kuMesiya, uKumkani ekwaprofetwa ngaye. KwiNdumiso 2 kuthiwa lo Mlawuli uya kuzitshabalalisa iintlanga ezingendawo, ezimchasayo. INdumiso 72 ithi lo Kumkani uya kuphelisa indlala, ukungabikho kokusesikweni nengcinezelo. Ngokutsho kweNdumiso 46:9, uThixo uya kuphelisa imfazwe nazo zonke izixhobo zokulwa esebenzisa uBukumkani bukaMesiya. KwiNdumiso 37 sifunda ukuba abangendawo abayi kuphinda babekho, ngoxa abo bangamalungisa beya kuphila ngonaphakade benandipha uxolo nemvisiswano emhlabeni wonke.

—Oku kusekelwe kwincwadi yeeNdumiso.

Funda Okungakumbi

UThixo Unokukuthuthuzela

Kuthekani xa usiva ngathi iingxaki zakho zincinci kunezo abanye abantu abanazo?

Buyintoni UBukumkani BukaThixo?

Ngubani onguKumkani woBukumkani bukaThixo yaye yintoni eza kuphunyezwa buBukumkani?