Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Indifundisa Ntoni IBhayibhile?

 ISIFUNDO 1

UThixo Wadala Izulu Nomhlaba

UThixo Wadala Izulu Nomhlaba

UYehova uThixo nguMdali wethu. Zonke izinto zidalwe nguye, izinto ezibonakalayo nesingenakuzibona. Ngaphambi kokuba adale izinto esizibonayo, wadala iingelosi ezininzi. Uyazazi iingelosi? Iingelosi ngabantu abadalwe nguYehova, abafana naye. Asinakuzibona, njengokuba singenakumbona uThixo. Ingelosi yokuqala awayidalayo yamncedisa ekudaleni iinkwenkwezi, iiplanethi nezinye izinto. Enye yezo planethi, ebizwa ngokuba ngumhlaba, likhaya lethu elihle.

Emva koko uYehova walungisa umhlaba ukuze uhlale izilwanyana nabantu. Wakhanyisa ilanga emhlabeni. Wenza iintaba, ulwandle nemilambo.

Wenza ntoni emva koko? UYehova wathi: ‘Ndiza kwenza ingca, izityalo nemithi.’ Emva kokuba etshilo kwakhula iintlobo ngeentlobo zeziqhamo, imifuno neentyatyambo. Waphinda wadala zonke izilwanyana—ezibhabhayo, ezidadayo nezirhubuluzayo. Wadala ezincinane njengemivundla, nezinkulu njengeendlovu. Wena sisiphi isilwanyana osithandayo?

Akuba uYehova egqibile ukudala izilwanyana wathi kwingelosi yokuqala: “Masenze umntu.” Abantu babengazukufana nezilwanyana. Bona babeza kukwazi ukwenza izinto. Babeza kukwazi ukuthetha, ukuhleka nokuthandaza. Babeza kulungisa umhlaba baze bakhathalele nezilwanyana. Uyazi ukuba ngubani umntu  owadalwa kuqala? Siza kuxelelwa ngaye kwisahluko esilandelayo.

“Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.”—Genesis 1:1