I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Ibali 94: Uyabathanda Abantwana

Ibali 94: Uyabathanda Abantwana

KHANGELA uYesu apha egone le nkwenkwana. Unokubona ukuba ngokwenene uYesu ubakhathalele abantwana. Amadoda abukeleyo ngabapostile bakhe. Uthini uYesu kubo? Masibone.

UYesu nabapostile bakhe basandul’ ukubuya kuhambo olude. Endleleni abapostile bebephikisana. Ngoko emva kohambo uYesu uyababuza: ‘Beniphikisana ngantoni na endleleni?’ Ngokwenene, uYesu uyazi ukuba bebephikisana ngantoni. Kodwa ubuza lo mbuzo ukuze abone enoba abapostile baza kumxelela na.

UYesu nomntwana

Abaphenduli, kuba endleleni baphikisene ngokuba ngubani na oyena mkhulu kubo. Abanye abapostile bafuna ukubaluleka ngakumbi kunabanye. Uza kubaxelela njani uYesu ukuba akulunganga ukufuna ukuba ngoyena mkhulu?

Ubiza inkwenkwana, aze ayimise phambi kwabo bonke. Uthi ke kubafundi bakhe: ‘Ndifuna nazi oku, Ukuba aniguquki nibe njengabantwana, anisayi kungena ebukumkanini bukaThixo. Oyena mkhulu ebukumkanini ngulowo uzenza onjengalo mntwana.’ Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu athethe la mazwi?

Kaloku, abantwana abazikhathazi ngobukhulu okanye ngokubaluleka kunabanye. Ngoko abapostile kufuneka bafunde ukuba njengabantwana baze bangaxabani ngobukhulu nangokubaluleka.

Kukho namanye amaxesha axa uYesu ebonisa indlela abakhathalele ngayo abantwana. Iinyanga ezimbalwa kamva abantu abathile bazisa abantwana babo kuYesu. Abapostile bazama ukubagxotha. Kodwa uYesu uthi kubapostile bakhe: ‘Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli, kuba ubukumkani bukaThixo bobabantu abanjengabo.’ Wandula ke uYesu abawole aba bantwana, aze abasikelele. Akuvuyisi na ukwazi ukuba uYesu uyabathanda abantwana?

Mateyu 18:1-4; 19:13-15; Marko 9:33-37; 10:13-16.



Imibuzo

  • Baphikisana ngantoni abapostile njengoko bebuya kuhambo olude?
  • Kutheni uYesu ebiza inkwenkwana aze ayimise phambi kwabapostile?
  • Abapostile banokukufunda ngayiphi indlela ukufana nabantwana?
  • Kwiinyanga ezimbalwa kamva, uYesu ubonisa njani ukuba uyabathanda abantwana?

Imibuzo eyongezelelekileyo