Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Ibali 13: UAbraham—Umhlobo KaThixo

Ibali 13: UAbraham—Umhlobo KaThixo

ENYE yeendawo abaya kuzo abantu emva koMkhukula yiUre. Yaba sisixeko esidumileyo esinamakhaya amahle. Kodwa abantu apho babenqula izithixo. Babesenza loo nto naseBhabheli. Abantu baseUre naseBhabheli babengafani noNowa nonyana wakhe uShem, abaqhubeka bekhonza uYehova.

Ekugqibeleni, kwiminyaka engama-350 emva komkhukula, uNowa othembekileyo wafa. Kwaba yiminyaka nje emibini kamva ekwathi indoda oyibona kulo mfanekiso yazalwa. Yayingumntu okhetheke ngokukodwa kuThixo. Igama layo nguAbraham. Wayehlala nentsapho yakhe kweso sixeko saseUre

UAbraham ujonge iinkwenkwezi

Ngenye imini uYehova wathi kuAbraham: ‘Yishiye iUre nezalamane zakho, uye kwilizwe endokubonisa lona.’ Ngaba uAbraham wamthobela uThixo waza wabushiya ngasemva bonke ubunewunewu baseUre? Ewe. Yaye kwakungenxa yokuba uAbraham wayesoloko emthobela uThixo le nto wabizwa ngokuba ngumhlobo kaThixo.

Bambi kwintsapho ka-Abraham bahamba naye ekumkeni kwakhe eUre. Uyise uTera wahamba naye. Kwanonyana womninawa wakhe uLote wahamba. Yaye kakade ke, nomka-Abraham uSara wahamba. Ekuhambeni kwexesha bonke bafika kwindawo ekuthiwa kukwaHaran, apho wafela khona uTera. Babekude neUre

Emva kwexeshana uAbraham nendlu yakhe bemka kwaHaran baza bafikela elizweni lakwaKanan. Apho uYehova wathi: ‘Eli lilizwe endiya kulinika abantwana bakho.’ UAbraham wahlala kwaKanan ezintenteni.

UThixo waqalisa ukumnceda uAbraham waza wanemihlambi emikhulu yezimvu nezinye izilwanyana namakhulukhulu abakhonzi. Kodwa yena noSara babengenabo abantwana.

Xa uAbraham wayema-99 eminyaka ubudala, uYehova wathi: ‘Ndikuthembisa ngokuba woba nguyise weentlanga ezininzi.’ Kodwa yayinokwenzeka njani le nto ekubeni uAbraham noSara ngoku babebadala ukuba banganomntwana?

Genesis 11:27-32; 12:1-7; 17:1-8, 15-17; 18:9-19.



Imibuzo

  • Babenjani abantu ababephila kwisixeko saseUre?
  • Ngubani le ndoda ikulo mfanekiso, yazalwa nini, ibe yayihlala phi?
  • UThixo wathi makenze ntoni uAbraham?
  • Kwakutheni ukuze uAbraham abizwe ngokuba ngumhlobo kaThixo?
  • Ngubani owahamba noAbraham xa wayeshiya iUre?
  • Yintoni uThixo awayithetha kuAbraham xa wafika eKanan?
  • Sisiphi isithembiso awasenzayo uThixo kuAbraham xa wayeneminyaka engama-99 ubudala?

Imibuzo eyongezelelekileyo

Funda Okungakumbi

IMIFANEKISO

Yintoni Esinokuyifunda KuAbraham?

UAbraham wabubonisa njani ububele kwabanye? Impendulo uza kuyifumana ngokuzikhuphelela lo mfanekiso uze ufunde eli bali leBhayibhile.