Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Ibali 12: Abantu Bakha Inqaba Enkulu

Ibali 12: Abantu Bakha Inqaba Enkulu

KWAQENGQELEKA iminyaka emininzi. Oonyana bakaNowa babenabantwana abaninzi. Abantwana babo bakhula baza nabo banabanye abantwana abaninzi. Kungekudala kwabakho abantu abaninzi emhlabeni.

Omnye waba bantu wayengumzukulwana womzukulwana kaNowa ogama linguNimrodi. Wayengumntu ombi owazingela waza wabulala izilwanyana nabantu. UNimrodi wazenza ukumkani waza walawula abanye abantu. UThixo akazange amthande uNimrodi.

Bonke abantu ngelo xesha babethetha ulwimi olunye. UNimrodi wafuna ukubagcina bonke ndawonye ukuze abalawule. Ngaba uyazi ukuba wenza ntoni? Waxelela abantu ukuba bakhe isixeko esinenqaba ephakamileyo. Naba kulo mfanekiso besenza izitena.

UYehova uThixo akazange akholiswe sesi sakhiwo. UThixo wayefuna ukuba abantu baphume kweso sixeko baze basasazeke kuwo wonke umhlaba. Kodwa abantu bathi: ‘Yizani! Masizakhele isixeko nenqaba ephakamileyo encopho yayo ifikelela emazulwini. Siya kuba ngabantu abadumileyo!’ Abantu bafuna ukuba kuzukiswe bona, kungekhona uThixo.

Ngoko uThixo wabayekisa abantu ukwakha inqaba. Uyazi wakwenza njani oku? Ngequbuliso wabangela abantu ukuba bathethe iilwimi ezahlukeneyo, kunokuthetha ulwimi olunye. Abakhi abazange babe sevana. Kungenxa yoko le nto esi sixeko kwathiwa yiBhabheli okanye iBhabhiloni, okuthetha “Isidubedube.”

Abantu baqalisa ukuyishiya iBhabheli. Amaqela abantu awayethetha ulwimi olunye ahamba ukuya kuhlala ndawonye kwezinye iindawo zomhlaba.

Genesis 10:1,8-10; 11:1-9

Abasebenzi bakha inqaba enkulu


Imibuzo

  • Yayingubani uNimrodi, yaye uThixo wayemgqala njani?
  • Kulo mfanekiso, kutheni abantu besenza izitena?
  • Kwakutheni ukuze uYehova angakholiswa ngulo msebenzi wokwakha?
  • UThixo wakuyekisa njani ukwakhiwa kwenqaba?
  • Sasibizwa ngokuba yintoni eso sixeko, yaye lalithetha ntoni elo gama?
  • Kwenzeka ntoni ebantwini emva kokuba uThixo ebhidanise iilwimi zabo?

Imibuzo eyongezelelekileyo