I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile

Ibali 104: UYesu Ubuyela Ezulwini

Ibali 104: UYesu Ubuyela Ezulwini

NJENGOKUBA iintsuku zihamba, uYesu uzibonakalisa kubalandeli bakhe izihlandlo ezininzi. Kwesinye isihlandlo ubonwa ngabafundi abamalunga nama-500. Xa ebonakala kubo, ngaba uyazi ukuba uthetha ngantoni? Ngobukumkani bukaThixo. UYehova wathumela uYesu emhlabeni ukufundisa ngoBukumkani. Yaye uyaqhubeka esenza oku nasemva kokuvuswa kwabafileyo.

UYesu ubuyela ezulwini

Uyakhumbula na ukuba buyintoni ubukumkani bukaThixo? Ewe, uBukumkani ngurhulumente kaThixo wokwenene ezulwini, yaye uYesu wanyulwa nguThixo ukuba abe ngukumkani. Njengokuba sifundile, uYesu wabonisa ukuba uya kuba ngukumkani omangalisayo ngokondla abalambileyo, ngokuphilisa abagulayo, nangokuvusela ebomini abafileyo!

Ngoko xa uYesu elawula njengokumkani ezulwini iminyaka eliwaka, kuya kuba njani emhlabeni? Ewe, wonke umhlaba uya kwenziwa iparadesi entle. Akusayi kubakho zimfazwe, lwaphulo-mthetho, kugula, nakufa. Siyazi ukuba kuyinyaniso oku kuba uThixo wawenza umhlaba ukuze ube yiparadesi yokunanditshwa ngabantu. Kungako wenza umyezo wase-Eden ekuqaleni. Yaye uYesu uya kuqinisekisa ukuba kuyenzeka oko uThixo afuna kwenziwe.

Ngoku kufika ixesha lokuba uYesu abuyele ezulwini. Kangangeentsuku ezingama-40 uYesu ebezibonakalisa kubafundi bakhe. Ngoko baqinisekile ukuba uyaphila kwakhona. Kodwa ngaphambi kokubashiya abafundi bakhe uthi kubo: ‘Hlalani eYerusalem de namkele umoya oyingcwele.’ Umoya oyingcwele ngamandla asebenzayo kaThixo, njengomoya ovuthuzayo, oya kunceda abalandeli bakhe ukwenza ukuthanda kukaThixo. Ekugqibeleni, uYesu uthi: ‘Nize nishumayele ngam kuse kwezona ndawo zikude zomhlaba.’

Emva kokuba uYesu ethethe oku, kwenzeka ummangaliso. Uqalisa ukunyukela ezulwini, njengokuba umbona apha. Emva koko ufihlwa lilifu, baze abafundi bangamboni uYesu kwakhona. UYesu uya ezulwini, aze aqalise ukulawula abalandeli bakhe abasemhlabeni.

Abafundi bajonge esibhakabhakeni

1 Korinte 15:3-8; ISityhilelo 21:3, 4; IZenzo 1:1-11.



Imibuzo

  • Bangaphi abafundi ababona uYesu ngesinye isihlandlo, yaye uthetha ngantoni nabo?
  • Buyintoni uBukumkani bukaThixo, yaye buza kuba njani ubomi emhlabeni xa uYesu elawula njengoKumkani kangangeminyaka eliwaka?
  • UYesu ubonakele kangangeentsuku ezingaphi kubafundi bakhe, kodwa ngoku lixesha lokuba enze ntoni?
  • Ngaphambi nje kokuba uYesu abashiye abafundi bakhe, ubaxelela ukuba benze ntoni?
  • Kwenzeka ntoni kulo mfanekiso, yaye uYesu ufihlwa njani angabonakali?

Imibuzo eyongezelelekileyo