I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona?

Ngaba Abafi Bangaphinda Baphile Kwakhona?

Ubunokuphendula uthini . . .

  • ewe?

  • hayi?

  • mhlawumbi?

 OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE

“Kuza kubakho uvuko.”IZenzo 24:15, INguqulelo Yehlabathi Elitsha.

 NGABA SINOKUKUKHOLELWA NGOKWENENE OKO KUTHETHWA YIBHAYIBHILE?

Ewe, ngenxa yezi zizathu zintathu:

  • UThixo nguMdali wobomi. IBhayibhile imbiza uYehova uThixo ngokuthi ‘ngumthombo wobomi.’ (INdumiso 36:9; IZenzo 17:24, 25) UMntu owanika ubomi zonke izidalwa eziphilayo, ngokuqinisekileyo unako ukubuyisela ubomi kumntu oswelekileyo.

  • Mandulo uThixo wavusa abantu. IBhayibhile ineengxelo ezisibhozo zabantu—abatsha, ­abadala, amadoda namabhinqa—ababuyiselwa ebomini apha emhlabeni. Abanye babesandul’ ukusweleka, kanti abanye babesele beneentsuku ­ezine besengcwabeni!Yohane 11:39-44.

  • UThixo uyakulangazelela uku­phinda ayenze loo nto. UYehova ukuthiyile ukufa; ukujonga njengotshaba. (1 Korinte 15:26) ‘Uyakulangazelela’ ukoyisa olu tshaba, ngokubavusa abantu. Uyakulangazelela ukubuyisela ebomini abo bakwinkumbulo ­yakhe, aze ababone bephila ­emhlabeni kwakhona.Yobhi 14:14, 15.

OKO KUNOKUTHETHWA LUVUKO KUWE

Intuthuzelo xa kusweleke isalamane okanye umhlobo.2 Korinte 1:3, 4.

Ukukhululeka ekoyikeni ukufa.Hebhere 2:15.

Ithemba lokwenene lokudityaniswa nesalamane okanye umhlobo wakho oswelekileyo.Yohane 5:28, 29.

 KHAWUCINGE NGOKU

Kutheni sisaluphala size sife?

IBhayibhile iyawuphendula lo mbuzo kwiGENESIS 3:17-19 nakumaROMA 5:12.

Funda Okungakumbi

Liyintoni Ithemba Ngabafi?

Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa? Ngaba siya kuze sibabone kwakhona abantu bethu esibathandayo abaye bafa?