UGULIZAR uthi: “Xa ndithandaza ndandidla ngokuxelela uYehova indlela endinombulelo ngayo ngokuva ngaye ngolwimi lwam lweenkobe.”

UGulizar wayenxulumana namaNgqina KaYehova kangangeminyaka esibhozo kodwa wabhaptizwa kuphela emva kokuya kwiintlanganiso zolwimi lwakhe lweenkobe, isiKurd. Ngomnye wamaKurd amaninzi amkele inyaniso kule minyaka yakutshanje eGeorgia. Kodwa angoobani amaKurd?

AmaKurd ebehlala kuMbindi Mpuma kangangeenkulungwane. Abanye abafundi bacinga ukuba ayinzalelwane  yamaMedi ekuthethwa ngawo eBhayibhileni. (2 Kum. 18:11; IZe. 2:9) Ulwimi lwawo lolunye lweelwimi zaseIran.

Namhlanje, amawaka amaKurd ahlala kumazwe aliqela aquka iArmenia, Iran, i-Iraq, iSiriya, neTurkey. Amalunga ne-20 000 amaKurd ahlala eGeorgia. Ngokuqhelekileyo, angabantu aboyika uThixo kwaye ayazihlonela izinto zakhe.

Ngoku kukho abavakalisi abayi-500 abangamaKurd eGeorgia, namabandla amathathu athetha isiKurd. Ngo-2014, bavuyiswa kukubakho kwendibano yengingqi yokuqala yesiKurd eTbilisi, inabantu abasuka eArmenia, eJamani, eTurkey, naseUkraine.