I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016

 EINDONESIA

Amagqabantshintshi NgeIndonesia

Amagqabantshintshi NgeIndonesia

Ukuma Komhlaba I-Indonesia ikumda weOstreliya nezwekazi iAsia, kwaye lelinye lamazwe aneziqithi ezininzi. Iziqithi zayo ezingaphezu kwe-17 500 zizele ziintaba namahlathi ashinyeneyo. Ngowona mmandla uthandwa kakhulu ziintaba-mlilo kwaye zingaphezu kwe-100 iintaba-mlilo ezisaqhushumbayo.

Abantu I-Indonesia lilizwe lesine elinabantu abaninzi ehlabathini (ilandela iTshayina, i-Indiya neMerika), kwaye zingaphezu kwe-300 iintlanga ezihlala apha. Isiqingatha  sezi ntlanga ngabantu baseJava nabaseSunda.

Unqulo Malunga ne-90 pesenti yabantu balapha ngamaSilamsi. Abanye ngamaHindu, amaBhuda okanye abantu abazibiza ngokuba ngamaKristu. Abanye babo benza namasiko aqhelekileyo asekuhlaleni.

Ulwimi Zingaphezu kwe-700 iilwimi ezithethwa apha.[10] Olona lwimi luthethwa zezo ntlanga zahlukeneyo sisi-Indonesia esithathwe kwisiMalay. Abantu abaninzi bathetha ulwimi lwasekuhlaleni xa besekhaya.

Indlela Abantu Abazixhasa Ngayo Abaninzi ngabarhwebi namafama asakhasayo. Eli lizwe lityebe ngemigodi, iinkuni, ioli negesi kwaye lizuza kakhulu ngokuthengisa irabha neoli yesundu.

Ukutya Okona kutya kwalapha yirayisi. Ukutya okuxhaphakileyo yinasi goréng (irayisi egcadiweyo namaqanda adityaniswe nemifuno), isatay (inyama eyosiweyo) negado-gado (isaladi efakwe ipeanut sauce).

Imozulu Kabini ngonyaka imozulu iyatshintsha, kuyabalela okanye kufume. Iindudumo zixhaphakile.