Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016

 EINDONESIA

Intombi KaSara Yokwenyani

UTiti Koetin

Intombi KaSara Yokwenyani
  • WAZALWA Ngo-1928

  • WABHAPTIZWA Ngo-1957

  • IBALI LOBOMI Udade owamnceda ngobuchule umyeni wakhe ochasayo ukuba afunde inyaniso.—Kubalisa unyana wakhe, uMario Koetin.

UMAMA wayengumntu onobubele nokhululekileyo owayeyithanda iBhayibhile. Xa wadibana noGertrud Ott, umthunywa wevangeli eManado, kuMantla eSulawesi, wavuma ukufundelwa iBhayibhile waza wangena enyanisweni. Kodwa utata, uErwin, owayengumsebenzi wasebhankini owaziwayo nowathi kamva waba ngusihlalo weMarike yezoRhwebo yaseJakarta, wayechasa kakhulu.

Ngenye imini, utata wathi umama makakhethe.

Enomsindo wathi: “Ukhetha unqulo lwakho okanye umyeni wakho?”

Umama wayicingisisa le nto. Ngobubele waphendula wathi: “Ndizifuna zombini—umyeni wam noYehova.”

Oma emqaleni kutata, kwaphela naloo msindo.

Ekuhambeni kwexesha, waya eyeka ukuchasa kuba wayemthanda kakhulu umama ibe wayebuxabisa ubulumko nokuqonda kwakhe.

Sekunjalo, umama wayefuna umyeni wakhe abe senyanisweni kunye naye. Emva kokuyithandazela le nto, wakhumbula  ukuba utata wayekuthanda ukufunda ezinye iilwimi. Ngenxa yoko wabeka iimpapasho zesiNgesi ekuhleni ekhaya. Umama wathi kuye: “Ndizama ukuphucula isiNgesi sam.” Wakhumbula nokuba wayekuthanda ukuphulaphula abantu bethetha esidlangalaleni, ngoko wamcela ukuba amncedise xa eqhelisela iintetho zakhe zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Utata wavuma. Ekubeni utata wayekuthanda ukwamkela abantu, wacela ukuba bamkele umveleli wasiphaluka. Wavuma. Esazi ukuba utata uyayithanda intsapho yakhe, wamcela ngobubele ukuba ahlale kunye nathi kwiindibano zamaKristu. Wayenza loo nto.

Ukuba nomonde nemigudu kamama ekuhambeni kwexesha kwenza yathamba intliziyo katata. Kamva, xa intsapho yethu yafudukela eNgilani, utata waya kwiintlanganiso waza wangumhlobo kaJohn Barr, owaba lilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Kwakuloo nyaka, wabhaptizwa, ibe oko kwamvuyisa kakhulu umama. Kwiminyaka eyalandelayo, utata wamthanda ngeyona ndlela.

Iingcinga zikamama ezintle, imbeko nokuthanda kwakhe uThixo, kwakuchukumisa bonke abamaziyo

Abanye babahlobo bethu babemfanisa noLidiya umama, umfazi owayengumKristu ngexesha labapostile nowayekuthanda ukubuka iindwendwe. (IZe. 16:14, 15) Kodwa mna ndimfanisa noSara, owamthobelayo umyeni wakhe uAbraham. (1 Pet. 3:4-6) Umama wayengumfazi oneengcinga ezintle, onembeko nomthanda kakhulu uThixo, echukumisa bonke abamaziyo. Ngumzekelo awawumiselayo owanceda utata wangena enyanisweni. Kum wayeyintombi kaSara yokwenyani.

Funda Okungakumbi

IMIBUZO ABANTU ABAQHELE UKUYIBUZA

Ngaba AmaNgqina KaYehova Achith’ Imizi Okanye Ayayakha?

Maxa wambi amaNgqina kaYehova atyholwa ngokuchith’ imizi. Kodwa ngaba ngokwenene amaNgqina abangel’ ingxaki?