I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016

 EINDONESIA

Intengiso Yezinongo

Intengiso Yezinongo

KWIMINYAKA yoo-1500 ishishini lezinongo lalihamba phambili kwezoqoqosho ehlabathini lonke, njengokuba linjalo eleoli namhlanje. Izinongo ezinjengenutmeg neecloves, ezazisenziwa kwiziQithi Zezinongo (ezaziwa ngokuba ngamaphondo aseMaluku noMntla Maluku eIndonesia), zezona zazibiza imali eninzi eYurophu.

Abakhenkethi abanjengoChristopher Columbus, uVasco da Gama, uFerdinand Magellan, uSamuel de Champlain noHenry Hudson benjenjeya ukuya kwiziQithi Zezinongo. Uphando lwabo ngezi zinongo zaseIndonesia lwabanceda abantu bayiqonda indlela umhlaba ome ngayo.