Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Ka-2016

 EINDONESIA

Iminyaka Eyi-50 Enguvulindlela Okhethekileyo

UAlisten Lumare

Iminyaka Eyi-50 Enguvulindlela Okhethekileyo
  • WAZALWA Ngo-1927

  • WABHAPTIZWA Ngo-1962

  • IBALI LOBOMI Wayelipolisa waza wanguvulindlela okhethekileyo kangangeminyaka eyi-50.

NGO-1964, ndathunyelwa njengovulindlela okhethekileyo eManokwari, kwiNtshona yePapua, apho kwakukho ibandla elincinane elalichaswa ngokukrakra ziinkokeli zonqulo zasekuhlaleni. Kungekudala ndifikile, umfundisi wamaProtestanti wangena emaphikana endlwini yam.

Enomsindo wathi: “Ndiza kuyidiliza le ndlu kunye namaNgqina kaYehova aseManokwari.”

Ngenxa yoqeqesho lwasebupoliseni zange ndingcangcazeliswe ngumsindo wakhe. Nakuba kunjalo, ndamphendula ngomoya ophantsi, ibe ekugqibeleni wemka sele ehlile.—1 Pet. 3:15.

Ngelo xesha kwakukho abavakalisi abasibhozo eManokwari. Ngoku, emva kweminyaka eyi-50, kukho amabandla asixhenxe. Kwindibano yengingqi ka-2014 bekukho abantu abangaphezu kwe-1 200. Xa ndibona oko uYehova akwenzileyo kule ndawo isemagqagaleni, ndiziva ndanelisekile.