I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO NO. 1 2017

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUFUMANA OKUNINZI XA UFUNDA IBHAYIBHILE

Yintoni Enokwenza Ube Nomdla Wokuyifunda?

Yintoni Enokwenza Ube Nomdla Wokuyifunda?

Iyadika? Okanye kumnandi ukuyifunda? Ukufunda iBhayibhile kuza kuba njani kuwe? Kuxhomekeka kwindlela oyifunda ngayo. Makhe sibone ukuba yintoni onokuyenza ukuze ungaphelelwa ngumdla wayo nokuze uyonwabele.

Khetha iBhayibhile yolwimi lwangoku nechanileyo. Akunakuthanda ukufunda incwadi enamagama amaninzi anzima okanye angasasetyenziswayo. Ngoko fumana iBhayibhile oza kuyiqonda lula ukuze ifikelele intliziyo. Kodwa ke kwangaxeshanye, kufuneka ibe yeguqulelwe kakuhle, ngendlela echanileyo. *

Sebenzisa iteknoloji yezi mini. Namhlanje iBhayibhile iyafumaneka nakwizinto ze-elektroniki. Ezinye iiBhayibhile unokuzifundela kwi-intanethi okanye uzikhuphelele kwikhompyutha, kwitablet okanye kwiselfowuni. Ezinye iinguqulelo zinezixhobo ezibangela ukuba ukwazi ukukhangela ezinye iivesi ezithetha ngaloo nto okanye uthelekise nezinye iinguqulelo ezahlukahlukeneyo. Ukuba uthanda ukumamela kunokufunda, unokuyifumana iBhayibhile erekhodiweyo kwezinye iilwimi. Abantu abaninzi bayathanda ukumamela ngoxa behamba ngesithuthi sikawonke-wonke, behlamba iimpahla okanye besenza ezinye izinto. Kutheni ungazami ukuyifunda ngendlela eza kukulungela?

Sebenzisa izixhobo zokufunda iBhayibhile. Izixhobo zokufunda iBhayibhile zinokukunceda ufumane ulwazi oluninzi xa uyifunda. Kukho iimaphu  zamazwe ethetha ngawo ezinokukunceda uwazi ukuba aphi ukuze uziqonde iziganeko ekuthethwa ngazo. Amanqaku afana nala akule magazini okanye aku-jw.org/xh, kwindawo ethi “Iimfundiso ZeBhayibhile,” anokukunceda wazi oko kuthethwa ziivesi ezininzi zeBhayibhile.

Yifunde ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ukuba kubonakala kudinisa ukufunda iBhayibhile ukusuka ekuqaleni uye kutsho ekugqibeleni, kutheni ungayiqali kwindawo oyithandayo? Ukuba ufuna ukwazi ngabantu abadumileyo abaseBhayibhileni, khangela izahluko ezithetha ngabo. Abanye abantu abadumileyo unokubafumana kwibhokisi ethi, “ Yemba OkuseBhayibhileni Ngokwazi Abantu Ethetha Ngabo.” Okanye unokuyifunda ngokulandelelana kweziganeko. Kutheni ungazami enye yezi ndlela?

^ isiqe. 4 Abaninzi bafumanise ukuba iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ichanile, banokuyithemba kwaye iyafundeka. Le Bhayibhile, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-130. Unokuzikhuphelela eyakho ku-jw.org/xh okanye uzikhuphelele i-JW Library app. Ukanti amaNgqina KaYehova anokukuphathela le Bhayibhile ukuba ufuna njalo.

Funda Okungakumbi

Ngaba INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ichanile?

Kutheni iNguqulelo Yehlabathi Elitsha yahluke kangaka kwezinye iiBhayibhile?