I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO OKTOBHA 2015

 INQAKU ELINGUMXHOLO | KUNCEDA NGANTONI UKUTHANDAZA?

Kutheni UThixo Efuna Sithandaze?

Kutheni UThixo Efuna Sithandaze?

UThixo ufuna sibe ngabahlobo bakhe.

Abahlobo bayancokola ukuze baqinise ubuhlobo babo. Ngendlela efanayo, uThixo ufuna sithethe naye, ukuze sibe ngabahlobo bakhe. Uthi: “Niya kundibiza nize nifike ukuze nithandaze kum, yaye ndiya kuniphulaphula.” (Yeremiya 29:12) Njengoko nithetha noThixo, ‘niya kusondela kuye, naye uya kusondela kuni.’ (Yakobi 4:8) IBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba: “Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo.” (INdumiso 145:18) Okukhona sithandaza kuye, kokukhona ubuhlobo bethu naye bukhula.

“Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo.”—INdumiso 145:18.

UThixo ufuna ukukunceda.

UYesu wathi: “Akukho mntu phakathi kwenu onokuthi ukuba unyana wakhe ucela isonka asuke amnike ilitye, andibi kunjalo? Okanye, mhlawumbi, ukuba ucela intlanzi akayi kumnika inyoka, andibi kunjalo? Ngoko ke, ukuba nina . . . niyakwazi ukunika abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo osemazulwini ukubanika izinto ezilungileyo abo bamcelayo!” (Mateyu 7:9-11) UThixo uyanimema ukuba nithandaze kuba “unikhathalele” kwaye ufuna ukuninceda. (1 Petros 5:7) Ude athi ziziseni kuye iingxaki zenu. IBhayibhile ithi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.”—Filipi 4:6.

Abantu bayabufuna ubuhlobo noThixo.

Iingcali ezinolwazi olunzulu ngomntu ziye zaphawula ukuba amakhulu ezigidi zabantu ziyakufuna ukuthandaza. Nabo bangakholelwayo kubukho bukaThixo babaliwe kwelo qela. * Oku kungqina ukuba abantu babedalelwe ukuba babe nolwalamano noThixo. UYesu wathi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Enye indlela yokwanelisa loo ntswelo kukuthetha noThixo rhoqo.

Ukuba siyasamkela isimemo sikaThixo sokuba sithandaze kuye, sinokulindela ntoni?

^ isiqe. 8 Ngo-2012 uhlolisiso olwenziwa yiPew Research Center, lwabonisa ukuba eMerika i-11 pesenti yabantu abangakholelwayo kubukho bukaThixo bathandaza kanye ngenyanga ubuncinane.