I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO OKTOBHA 2015

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba ingaze ingabikho indlala emhlabeni?

UThixo uza kuyiphelisa njani indlala emhlabeni?—Mateyu 6:9, 10.

Nyaka ngamnye kufa izigidi ngezigidi zabantu zibulawa kukungondleki nezifo ezibangelwa yindlala. Nangona amazwe amaninzi efumile, uninzi lwabantu luse ziimpula zikalujaca. NeBhayibhile ithi akungoku indlala yaba yingxaki eluntwini.—Funda uYohane 12:8.

Indlala inokupheliswa kuphela ngurhulumente onokulawula umhlaba wonke. Loo rhulumente kungafuneka abe namandla okwahlulela uluntu ubutyebi ngokulinganayo aze aphelise neemfazwe ezingoyena nobangela wendlala. UThixo usithembise kanye urhulumente onjalo.—Funda uDaniyeli 2:44.

Ngubani onokukwazi ukuphelisa indlala?

UThixo umisele uNyana wakhe uYesu ukuze alawule bonke abantu. (INdumiso 2:4-8) UYesu uza kuwahlangula amahlwempu aze aphelise ingcinezelo nobundlobongela.—Funda iNdumiso 72:8, 12-14.

Njengokuba kwachazwa kwangaphambili ukuba “iNkosana yoXolo” uYesu iza kwenza kube luxolo nokhuseleko emhlabeni wonke. Emva koko, umntu wonke emhlabeni uza kuba nelakhe ikhaya, anandiphe umsebenzi owanelisayo, aze abe nentabalala yokutya.—Funda uIsaya 9:6, 7; 65:21-23.

 

Funda Okungakumbi

Uza Kwenza Ntoni UYesu Kwixesha Elizayo?

UYesu uza kuzisa uxolo emhlabeni.

Ngaba Uya Kuze Abekho Urhulumente Wehlabathi Lonke?

Khawucinge nje ngoxolo nonqabiseko olunokubakho xa kulawula urhulumente omnye ehlabathini lonke. Kutheni simele simkholelwe nje uThixo xa ethembisa ngokuzisa urhulumente onjalo? Ingangubani umlawuli ofanelekileyo?