Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO JUNI 2015

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ubonakala njani umzali olungileyo?

Ngaba wena nabantwana bakho niyamthanda uThixo?

Abantwana bakhula kakuhle kwikhaya elinabazali abathandanayo nabahlonelanayo. (Kolose 3:14, 19) Abazali abalungileyo bayabathanda abantwana babo ibe bayabancoma njengokuba noYehova uThixo emncoma uNyana wakhe.—Funda uMateyu 3:17.

UBawo wethu osezulwini uyabamamela abakhonzi bakhe, ibe uyikhathalele indlela abavakalelwa ngayo. Abazali banokumxelisa ngokubamamela abantwana babo. (Yakobi 1:19) Bamele bazi indlela abavakalelwa ngayo, enoba bayakhalaza.—Funda iNumeri 11:11, 15.

Unokubakhulisa njani abantwana abaqeqesheke kakuhle?

Njengomzali, unegunya lokubeka imithetho. (Efese 6:1) Funda kwindlela enza ngayo uYehova. Ubonisa indlela abathanda ngayo abantwana bakhe ngokubachazela kakuhle imithetho nemiphumo yokungayithobeli. (Genesis 3:3) Kodwa endaweni yokubanyanzela ukuba bathobele, ubafundisa iingenelo zokwenza izinto ezilungileyo.—Funda uIsaya 48:18, 19.

Zimisele ukunceda abantwana bakho bathande uThixo. Xa kunjalo, bayakwenza ngobulumko naxa ungekho. Kanye njengokuba uThixo engumzekelo kuthi, nawe bafundise ukuthanda uThixo ngendlela ophila ngayo.—Funda iDuteronomi 6:5-7; Efese 4:32; 5:1.

 

Funda Okungakumbi

Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo!

Inokonwaba Njani Intsapho Yakho?

UYehova, uThixo owonwabileyo, ufuna iintsapho zonwabe. Fumana amacebiso aya kumadoda, abafazi, abazali nabantwana.

NINAKO UKONWABA ENTSATSHENI

Indlela Abantwana Abawutshintsha Ngayo Umtshato

Ngaba ukuba nomntwana kunokuwuqinisa umtshato wenu?