I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO JUNI 2015

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA ISAYENSI ITHATHE INDAWO YEBHAYIBHILE?

Indlela Isayensi Ebuchaphazela Ngayo Ubomi Bakho

Indlela Isayensi Ebuchaphazela Ngayo Ubomi Bakho

Ngokutsho kwesinye isichazi-magama, “isayensi luhlolisiso olwenziwa ngoososayensi ngenjongo yokwazi indalo nendlela esebenza ngayo.” Akuyondlwan’ iyanetha ke ukwenza lo msebenzi. Oososayensi babila besoma besenz’ uphando de kuqengqeleke iiveki, iinyanga neminyaka. Ngamanye amaxesha babuya nemband’ esikhova kwimigudu yabo, kodwa amaxesha amaninzi siyancedwa luphando abaza nalo. Nantsi imizekelo:

Enye inkampani yaseYurophu yavelisa esinye isixhobo esenziwe ngeplastiki eqinileyo enesihluzo esisemgangathweni ukuze kuphetshwe izifo ezibangelwa kukuselwa kwamanzi angcolileyo. Izixhobo ezinjalo ziye zalulutho ngamaxesha entlekele, njengaxa kwakukho inyikima eHaiti ngo-2010.

Esibhakabhakeni kukho amaza omoya ancedisana nesixhobo esinemaphu esiyiGPS. Ngaphambili, sasenzelwe ukunceda amajoni kodwa ngoku sisetyenziswa nangabaqhubi beemoto, beenqwelo-moya, beenqanawa, abazingeli nabakhenkethi. Basinceda kakhulu oososayensi abavelisa iGPS, eyenza kube lula ukufumana indawo esiya kuyo.

Ngaba usebenzisa ifowuni, ikhompyutha okanye i-Intanethi? Ngaba uyibonile impilo yakho isiba bhetele emva kokusebenzisa amayeza athile? Ngaba ukhe uhambe ngenqwelo-moya? Ukuba kunjalo, nawe uyaxhamla kwisayensi. Ngokuqinisekileyo, isayensi idlala indima ebalulekileyo ebomini bethu.

ULWAZI OLULINGANISELWEYO LWESAYENSI

Oososayensi bale mihla abapheli mandla ekufundeni ngendalo ukuze bandise ulwazi lwabo. Iingcali zenyukliya zisoloko zifunda ngendlela iathom esebenza ngayo ngoxa iingcali zezinto ezisemajukujukwini zizama ukuqonda ngemvelaphi yendalo. Kuwo onke la matile-tile okufikelela iindawo ezikude, abanye oososayensi bathi ukuba lo Thixo kuthethwa ngaye eBhayibhileni ebekho ngokwenene, ngekukudala bamfumanayo.

Abanye oososayensi neengcali ezaziwayo bade batsiba elikaphungela ngokuxhasa amazwi ombhali wesayensi uAmir D. Aczel owathi, “isayensi ingqina ukuba uThixo akakho.” Ngokomzekelo, omnye usosayensi owaziwayo wakha wathi, “ukungabikho kobungqina obubonisa ukuba indalo yadalwa nguThixo kubonisa ukuba yintsomi emini into yokuba ukho.” Abanye bathi imimangaliso ekuthethwe ngayo eBhayibhileni eyenziwa nguThixo “ngumlingo” nje. *

 Sekunjalo, nanku umbuzo ophakamayo: Ngaba uphando olwenziwe ngoososayensi ngendalo lwanele kangangokuba bangade baqine kwizigqibo zabo? Unotshe. Ewe kona, isayensi iziphucule izinto, kodwa oososayensi abaninzi bayavuma ukuba iseninzi into abangayaziyo, ibe akukho ndlela yakuzazi ezinye izinto. Ingcali uSteven Weinberg, owakhe wawongwa ngembasa yeNobel uthi, “Nokuba sesithanda, asinakuze sazi yonke into ngendalo.” Ingcali yeenkwenkwezi yaseBritani uProfesa Martin Rees, yabhala yathi: “Kukho izinto abangenakuze baziqonde abantu.” Inyaniso kukuba, zininzi izinto oososayensi abangazaziyo ngendalo, ukususela kwizinto ezingenakubonwa ngeliso lenyama ukusa kwindalo iphela. Makhe sizekelise:

  • Iingcali zebhayoloji azikayazi kakuhle indlela esebenza ngayo iseli. Bema nematha oososayensi xa kufuneka bachaze indlela iiseli eziwasebenzisa ngayo amandla, indlela eziyivelisa ngayo iproteni nendlela eziziphindaphinda ngayo.

  • Amandla omxhuzulane asebenza lonke ixesha. Kodwa indlela asebenza ngayo iseyintsinda-badala nangoku koososayensi. Abakayazi ngokupheleleyo indlela umxhuzulane otsalela ngayo izinto emhlabeni nendlela ogcina ngayo inyanga ijikeleza umhlaba.

  • Iingcali ngendalo ziqikelela ukuba i-95 pesenti yezinto ezikwindalo ayinakubonwa ngezixhobo zesayensi. Ziye zagqiba kwelokuba ziyimfihlo engapha kokuqonda.

Zikho nezinye izinto ezibabhidayo oososayensi. Kutheni kubalulekile nje oku? Omnye umbhali wesayensi odumileyo wakha wathi: “Zininzi gqitha izinto esingazaziyo kunezo sizaziyo. Mna ndikholelwa ukuba isayensi imele ikwenze uphangalale kunokuba ubambelele ngenkani koko sele ukwazi.”

Ngoko ukuba ucing’ ukuba isayensi ingaze ithathe indawo yeBhayibhile ize yenze abantu bangakholelwa kuThixo, khawucinge ngoku: Oososayensi abakrelekrele bazame kangangoko ukuphanda besebenzisa izixhobo zabo ezinamandla, kodwa basenezinto ezininzi abangazaziyo ngendalo. Ngaba ke ngoko kububulumko ukuzibetha ngoyaba izinto abangasoze bakwazi ukuziphanda? Eliny’ inqaku elithetha ngendalo elikwiEncyclopedia Britannica lathi: “Nangona kudlule iminyaka ephantse ibe yi-4 000 abantu befunda ngeenkwenkwezi, zisababhida nangoku njengokuba kwakunjalo ngezazi zaseBhabhiloni.”

AmaNgqina kaYehova ayasihlonipha isigqibo somntu ngamnye sokuzikhethela oko afuna ukukukholelwa. Sizimisele ukulandela icebiso leBhayibhile elithi: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke ebantwini bonke.” (Filipi 4:5) Yiloo nto sikucela ukuba uhlolisise indlela isayensi edibana ngayo neBhayibhile.

^ isiqe. 9 Abanye abantu abafuni nokuyibona iBhayibhile ngenxa yeemfundiso zecawa, njengeyokuba umhlaba usembindini wendalo yonke nokuba indalo yadalwa kwiintsuku nje ezintandathu ezineeyure eziyi-24.—Funda ibhokisi ethi “ IBhayibhile Nesayensi.”

Funda Okungakumbi

Ngaba UThixo Ukho?

IBhayibhile ineendlela ezintlanu ephendula ngazo.

Yintoni Efundiswa YiBhayibhile Ngokuphathelele Indalo?

IBhayibhile ikwachaza ‘iintsuku’ ezintandathu zokudalwa. Ngaba ezi ntsuku zazineeyure eziyi-24?

Imbono YeBhayibhile Ngempilo Entle

Funda ngoko ikutshoyo ngezigulo kunye namachiza.