I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO OKTOBHA 2014

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUKUMKANI BUKATHIXO—BUNOKUKWENZELA NTONI?

UBukumkani BukaThixo—Buza Kukwenzela Ntoni?

UBukumkani BukaThixo—Buza Kukwenzela Ntoni?

Mhlawumbi uye waqaphela kula manqaku adluleyo ukuba uBukumkani bukaThixo bubaluleke kakhulu kumaNgqina kaYehova. Kusenokwenzeka ukuba uye wachukunyiswa nangamathemba ekamva ekuthethwe ngawo. Kodwa usenokuba uyazibuza ukuba aziyontsomi na ezi zinto.

Kuhle ukulumka ungakhawulezi ukholelwe yonk’ into oyivayo. (IMizekeliso 14:15) Ukulumka kwakho kungafaniswa nokwamaBhereya amandulo. * Xa ayeqala ukuva ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani, awazange abe ngoovuma-zonke. Kunoko, azihlolisisa ngenyameko iZibhalo ukuze abone ukuba “zinjalo kusini na ezo zinto.” (IZenzo 17:11) Ngamany’ amazwi, amaBhereya ayejonga ukuba ezo zinto ayeziva zazikhona na eZibhalweni. Ekugqibeleni, aye azibonela ukuba ezi ndaba zazisuka ngqo kwiLizwi likaThixo.

AmaNgqina kaYehova ayakumema ukuba nawe wenjenjalo. Angakuvuyela ukufunda nawe iBhayibhile, ukuze uzihlolisisele ngokwakho ukuba izinto ezifundiswa ngamaNgqina kaYehova ngoBukumkani bukaThixo zisekelwe eBhayibhileni kusini na.

Esi sifundo seBhayibhile asizi kukunceda ufunde ngoBukumkani bukaThixo nje kuphela, kodwa singakunceda uphenduleke nakweminye yeyona mibuzo ibalulekileyo unokuyibuza.

Ngaphezu kwayo yonke loo nto, ukufunda iBhayibhile kuya kukunceda ‘usondele kuThixo.’ (Yakobi 4:8) Ngokuya usondela kuThixo, uza kuye ufunda ngezinto obuya kukwenzela zona uBukumkani bakhe—kungekhona ngoku kuphela, kodwa ngonaphakade. UYesu wathi xa wayethandaza kuYise: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.”—Yohane 17:3.

 

^ isiqe. 4 IBhereya yayisisixeko esasikwiMakedoni yamandulo.

Funda Okungakumbi

Sinokuzifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?

Ngaba ubunokukhetha isayensi, oongqondo-ngqondo okanye iBhayibhile?

Kuthetha Ukuthini Ukufundelwa IBhayibhile?

Fumana iimpendulo zezinto ezibuzwa ngocwangciso lwethu lwesifundo seBhayibhile sasimahla.