I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO AGASTI 2014

 INQAKU ELINGUMXHOLO | NGABA UTHIXO UNOMDLA KUWE

Ngaba UThixo Ukukhathalele?

Ngaba UThixo Ukukhathalele?

“Ndixhwalekile yaye ndilihlwempu. UYehova uyandigqala.” *UDAVIDE WAKWASIRAYELI WAMANDULO

“Iintlanga zinjengethontsi e-emeleni.”—ISAYA 40:15

Ngaba kwakuyimfuneko ngoDavide ukulindela ukuba uThixo amkhathalele? Ngaba uThixo ukukhathalele wena? Kubantu abaninzi kunzima ukuqonda ukuba uThixo ubakhathalele. Kutheni kunjalo?

Esinye sezizathu kukuba uThixo uphakeme kakhulu xa simthelekisa nabantu abaqhelekileyo. Ngangendlela aphakeme ngayo, kuye zonke “iintlanga zinjengethontsi e-emeleni; nanjengesuntswana lothuli ezikalini.” (Isaya 40:15) Omnye umbhali ongakholelwayo kuThixo wagqiba ngelithi “kukuzikhohlisa okugqithiseleyo ukukholelwa ukuba kukho uThixo okukhathaleleyo oko ukwenzayo.”

Kwelinye icala, abantu bacinga ukuba iimpazamo zabo zenza uThixo angabakhathaleli. Ngokomzekelo, iqina lendoda enguJim lithi: “Ndandihlala ndithandazela uxolo nokuzibamba, kodwa ndandiwubona sele ufikile umsindo. Ekugqibeleni, ndade ndazigqala njengomntu ombi owayengenakuncedwa nguThixo.”

Ngaba uThixo ukude kangangokuba akanakusinceda? Uvakalelwa njani ngezidalwa zakhe ezingafezekanga? Ngaphandle kokutyhilelwa nguThixo, akakho umntu obenokukwazi ukuphendula le mibuzo. Noko ke, ilizwi likaThixo eliphefumlelweyo—iBhayibhile—lisenza siqiniseke ukuba akakude ebantwini. IBhayibhile ithi: “Enyanisweni, [akakude] kuye ngamnye wethu.” (IZenzo 17:27) Kumanqaku amane alandelayo, siza kuva ngendlela uThixo akhathalela ngayo mntu ngamnye.

^ isiqe. 3 INdumiso 40:17; uYehova ligama likaThixo eliseBhayibhileni.