Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo  |  Matshi 2014

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Kusinceda ngantoni ukufa kukaYesu?

Xa uThixo wayedala abantu, wayefuna baphile ngonaphakade emhlabeni bengaguli okanye bafe. Noko ke, umntu wokuqala uAdam akazange amthobele uMdali, ngaloo ndlela waphulukana nethemba lokuphila ngonaphakade. Ekubeni siyinzala ka-Adam siyafa. (Roma 5:8, 12; 6:23) UThixo oyinyaniso uYehova wathumela uNyana wakhe uYesu apha emhlabeni ukuze asifele, aze abuyisele oko salahlekelwa kuko ngenxa ka-Adam.—Funda uYohane 3:16.

UYesu wafa ukuze abantu bafumane ubomi obungunaphakade. Xa ucinga, bekunokuba njani ukuphila ngonaphakade emhlabeni?

Ukufa kukaYesu kwenza sikwazi ukuxolelwa izono, nokuba sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade. IBhayibhile isenza sibe nombono wokuba buza kuba njani ubomi emhlabeni xa sele singasaluphali, sigule size sife.—Funda uIsaya 25:8; 33:24; ISityhilelo 21:4, 5.

Simele sikukhumbule njani ukufa kukaYesu?

Ngengokuhlwa yangaphambi kokuba afe, uYesu waxelela abalandeli bakhe ukuba benze isikhumbuzo sokufa kwakhe. ISikhumbuzo sokufa kukaYesu esenziwa nyaka ngamnye sisinceda sicingisise ngendlela uYesu noYehova ababathanda ngayo abantu.—Funda uLuka 22:19, 20; 1 Yohane 4:9, 10.

Kulo nyaka, iSikhumbuzo sokufa kukaYesu siza kuba ngoMvulo, Aprili 14, emva kokutshona kwelanga. AmaNgqina kaYehova ayakumema ukuba ubekho.—Funda amaRoma 1:11, 12.

 

 

Funda Okungakumbi

INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI

ISikhumbuzo Sokufa KukaYesu

Nyaka ngamnye izigidi zabantu ziyadibana ukuze zenze isikhumbuzo sokufa kukaYesu. Uyamenywa ukuba ubekho ukuze ufunde indlela esi siganeko sibalulekileyo esikuchaphazela ngayo.

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

Ngubani UYesu Kristu?

Funda ngesizathu sokuba uYesu enguMesiya othenjisiweyo, imvelaphi yakhe nesizathu sokuba ekuphela koNyana ozelweyo.

Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?

Intlawulelo—Esona Sipho Sikhulu SikaThixo

Yintoni intlawulelo? Unokungenelwa njani kuyo?