Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMboniselo  |  Matshi 2014

 INQAKU ELINGUMXHOLO | OKO AKWENZELE KONA UTHIXO

Isihlandlo Ongamele Uphoswe Siso

Isihlandlo Ongamele Uphoswe Siso

Kubusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba bakhumbule idini lakhe. Esebenzisa isonka esingenagwele kunye newayini ebomvu, waqalisa oko kwaziwa ngokuba siSidlo Sangokuhlwa Sokugqibela okanye iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa waza wayalela wathi: “Hlalani nisenza oku nindikhumbula.”—Luka 22:19.

Nyaka ngamnye, amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke ayahlanganisana ukuze akhumbule ukufa kukaYesu. Ngo-2014 iSikhumbuzo siya kuba ngoMvulo, ngoAprili 14, emva kokutshona kwelanga.

Umenywa ngokufudumeleyo ukuba ubekho xa kucaciswa indlela okubaluleke ngayo ukusifela kukaYesu. Kungenwa simahla. Akuqokelelwa nkongozelo. Usenokubuza kulo mntu ukunike le magazini ixesha nendawo esiya kuqhutyelwa kuyo iSikhumbuzo, okanye usenokuya kwiWebhsayithi yethu ethi jw.org/xh. Sicela usibhale phantsi esi sihlandlo ukuze ungasilibali, yaye sithemba ukuba akuyi kuphoswa siso.