I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO DISEMBA 2013

 SONDELA KUTHIXO

“Khangela! Zonke Izinto Ndizenza Ntsha”

“Khangela! Zonke Izinto Ndizenza Ntsha”

Awungethandi ukuphila ubomi obude usempilweni wena nentsapho yakho? Kuthekani ngokuphila kwihlabathi apho intlungu kunye nokufa ziya kube izizinto zexesha elidlulileyo? Elo hlabathi asilophupha nje. Liya kubakho ngokwenene kuba injongo kaYehova uThixo kukuba kubekho ihlabathi elitsha nelinobulungisa. Khawuve nje xa iBhayibhile ichaza indlela okuya kwenzeka ngayo oku kwiSityhilelo 21:3-5.—Sifunde.

“[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.” (ISityhilelo 21:4) Ziziphi ezi nyembezi aza kuzisula? Ayizonyembezi zovuyo okanye ezikhusela amehlo ethu. Esi sithembiso sikaThixo sibhekisela kwiinyembezi ezibangelwa ziintlungu neentsizi. UThixo akayi kuzisula nje ezo nyembezi, kodwa uza kuziphelisa ngokupheleleyo ngokutshayela oonobangela bazo—iintlungu neentsizi.

“Kungabi sabakho kufa.” (ISityhilelo 21:4) Ikho enye into eye yabangela iinyembezi ezingafunekiyo ngaphezu kokufa? UYehova uza kubakhulula abantu abathobelayo ekukhotyokisweni kukufa. Njani? Ngokususa oyena nobangela wokufa: isono esasizuza ilifa kuAdam. (Roma 5:12) Ngenxa yedini lentlawulelo likaYesu, uYehova uza kwenza abo bathobelayo bafezeke. * Ngoko utshaba lokugqibela, ukufa, luya “kutshitshiswa.” (1 Korinte 15:26) Kuya kwenzeka injongo kaThixo yokuba abantu abathembekileyo baphile ngonaphakade, besempilweni.

‘Kungabi sabakho ntlungu kwakhona.’ (ISityhilelo 21:4) Yiyiphi le ntlungu iza kuphela? Uxinezeleko, ukukhathazeka kunye neentlungu ezisemzimbeni ezibangelwa sisono nokungafezeki neziye zathwaxa izigidi zabantu, ziza kususwa ngokupheleleyo.

Kungekudala abantu baza kuphila ngaphandle kweenyembezi, ukufa kunye neentlungu. Mhlawumbi uyazibuza: ‘Iza kwenzeka phi yonke le nto? Ngaba ezi zithembiso zikaThixo ziza kwenzeka ezulwini?’ Akunjalo. Khawuve ukuba kutheni sisitsho nje. Okokuqala, esi sithembiso siqala ngala mazwi, “intente kaThixo iphakathi koluntu,” ibe ke abantu bahlala emhlabeni. (ISityhilelo 21:3) Okwesibini, sithetha ngehlabathi apho ‘kungayi kuba sabakho kufa’—kwihlabathi apho kwakhe kwafiwa khona kodwa ngoku akusayi kuphinda kufiwe. Akuzange kufiwe ezulwini, kodwa ukufa bekusoloko kugqugqisa emhlabeni. Licace okwekat’ emhlophe ehlungwini elokuba isithembiso sikaThixo siza kuzaliseka apha emhlabeni.

UThixo uza kuzisula iinyembezi eziye zaphalala ngenxa yeentlungu neentsizi

UYehova ufuna sisithembe esi sithembiso sakhe sehlabathi elitsha nelinobulungisa. Emva kokuchaza iintsikelelo ezizayo, usiqinisekisa ngala mazwi: “Khangela! Zonke izinto ndizenza ntsha.” Aze ongeze athi: “La mazwi athembekile yaye ayinyaniso.” (ISityhilelo 21:5) Kutheni ungafundi ngakumbi ngendlela wena nabo obathandayo eninokuba phakathi kwabo banqula uThixo nabaya kubona xa esi sithembiso sizaliseka?

^ isiqe. 5 Ukuze ufunde okungakumbi ngedini lentlawulelo likaKristu, funda isahluko 5 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.