Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO NOVEMBA 2013

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UBUXOKI OBUBANGELA UKUBA UTHIXO ANGATHANDWA

Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa

Ubuxoki Obabangela Ukuba UThixo Angaziwa

OKO KUKHOLELWA NGABANTU ABANINZI

Iicawa ezintathu zobuKristu ezaziwa kakhulu, “amaRoma Katolika, amaOthodoki aseMpuma kunye namaProtestanti zithi kukho uThixo oneziqu ezithathu: uThixo uYise, uThixo uNyana noThixo Umoya Oyingcwele. Ngokutsho kwemfundiso yobuKristu, apha akuthethwa ngoothixo abathathu, kodwa ngothixo omnye oneziqu ezithathu.”—IThe New Encyclopædia Britannica.

INYANISO ESEBHAYIBHILENI

UYesu, uNyana kaThixo, akazange athi uyalingana okanye ukwimo enye noYise. Kunoko wathi: ‘Ndiyemka ndiya kuBawo, kuba uBawo mkhulu kunam.’ (Yohane 14:28) Wathi komnye wabafundi bakhe: “Ndinyukela kuBawo noYihlo nakuThixo wam noThixo wenu.”Yohane 20:17.

Umoya oyingcwele asingomntu. AmaKristu okuqala ‘azaliswa ngumoya oyingcwele,’ noYehova wathi: “Ndiya kuthululela inxalenye yomoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama.” (IZenzo 2:1-4, 17) Umoya oyingcwele awuyonxalenye yoThixo Oneziqu Ezithathu kodwa ungamandla kaThixo asebenzayo.

KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?

Abaphandi abangamaKatolika, uKarl Rahner noHerbert Vorgrimler bathi xa becacisa uThixo Oneziqu Ezithathu: “Akakho umntu onokumazi uThixo engatyhilelwanga, naxa sele etyhilelwe akanakumazi ngokupheleleyo.” Ngaba unokuthanda umntu ongenakwaziwa okanye ongaqondakaliyo? Ngoko ke, imfundiso yoThixo Oneziqu Ezithathu ibangela ukuba uThixo angaziwa okanye angathandeki.

Yimfundiso kaThixo Oneziqu Ezithathu eyabangela ukuba uMarco ekuthethwe ngaye kwinqaku elingaphambili angamazi uThixo. Uthi: “Ndandicinga ukuba uThixo uyazifihla kum yaye loo nto yamenza wakude nangakumbi, akaqondakala yaye akafikeleleka.” Kodwa ke, “uThixo akangoThixo wezinto ezingaqondakaliyo.” (1 Korinte 14:33, iAmerican Standard Version) UThixo akazifihlanga kuthi, kunoko ufuna simazi. UYesu wathi: “Sinqula esikwaziyo.”Yohane 4:22.

UMarco uthi: “Xa ndafunda ukuba uThixo akayonxalenye yoThixo Oneziqu Ezithathu, ndatsho ndakwazi ukuba ngumhlobo wakhe.” Ukuba uYehova simbona njengoMntu wokwenene kunomntu nje ongaqondakaliyo, kuya kuba lula ukumthanda. IBhayibhile ithi: “Lowo ungenaluthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando.”1 Yohane 4:8.