I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO APRILI 2013

 IMIBUZO YEBHAYIBHILE IYAPHENDULWA

Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa

Ngaba unako ukuyiqonda iBhayibhile?

IBhayibhile liLizwi likaThixo. Ifana neleta evela kutata onothando. (2 Timoti 3:16) EBhayibhileni uThixo uchaza oko sinokukwenza ukuze simvuyise, isizathu sokuba evumele ubungendawo, noko aza kukwenzela uluntu kwikamva. Kodwa ke abefundisi beecawa baye bayigqwetha iBhayibhile; ngenxa yoko abantu abaninzi bacinga ukuba abanakuze bayiqonde.—IZenzo 20:29, 30.

UYehova uThixo ufuna sazi inyaniso ngaye. Kungeso sizathu le nto esinike incwadi enokuqondakala.1 Timoti 2:3, 4.

Ungenza njani ukuze uyiqonde iBhayibhile?

Ngaphezu kokuba uYehova esinike iBhayibhile, uye wasinceda ukuba siyiqonde. Wathumela uYesu ukuze asifundise. (Luka 4:16-21) UYesu wanceda abaphulaphuli bakhe ukuba baziqonde izibhalo, ecaphula ivesi emva kwenye.Luka 24:27, 32, 45.

UYesu waseka ibandla lamaKristu ukuze liqhubeke nomsebenzi awayewuqalile. (Mateyu 28:19, 20) Namhlanje abalandeli bakaYesu bokwenyani banceda abantu ukuba bakuqonde oko iBhayibhile ikufundisayo ngoThixo. Ukuba ungathanda ukuqonda iBhayibhile, cela amaNgqina kaYehova akuncede.IZenzo 8:30, 31.

 

Funda Okungakumbi

IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo

Inokukunceda njani iBhayibhile ukuba uhlangabezane neengxaki onazo? Kutheni umele uzikholelwe iziprofeto eziseBhayibhileni?

Unokulufumana Njani Uncedo Lokwazi IBhayibhile?

Ukuba iBhayibhile ibhalele ukuba yaziwe okanye iqondwe, kutheni kufuneka uncedwe ukuze uyazi?