I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO NOVEMBA 2012

Izifundo Endizifunda EBhayibhileni

 IMINYAKA EMI-3 NANGAPHANTSI

Izifundo Endizifunda EBhayibhileni

Yimini enethayo.

UTomoko uthi:

“Kutheni ingayeki

ukuna nje le mvula?

Ngoku kufuneka

ndihlale endlini.”

Kodwa ngesiquphe

kwenzeka into

evuyisayo!

Kuthi gqi ilanga.

Imvula imkile

UTomoko ukhwaza

ngovuyo!

Ubaleka aye phandle,

uthi esavuya njalo,

uTomoko ubona

into emangalisayo.

Uthi,

“Bendingazi ukuba

imvula kaThixo

iyazikhulisa

iintyantyambo!”

IZINTO OMELE UZENZE

Mcele umntwana wakho ukuba alathe ezi zinto:

  • Ifestile

  • UTomoko

  • Iintyatyambo

  • Intaka

  • Umthi

Khangela izinto ezifihliweyo.

  • Uqongqothwane

  • Inqwelomoya

Funda IZenzo 14:17. Kwakutheni ukuze uYehova adale imvula?