I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO 2009-11-01

Intsomi Emva Kwenye

Intsomi Emva Kwenye

KUMAKRISTU awayephila kwisiqingatha sesibini senkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo umpostile uPawulos wathi: “Lumkani.” Yintoni le wayewalumkisa ngayo? Wathi: “Ningathabatheki ziintanda-bulumko nayinkohliso elambathayo esekelwe kwizithethe zabantu.”—Kolose 2:8.

Nangona uPawulos wayewalumkisile, ukususela embindini wenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo amanye amaKristu aqalisa ukusebenzisa iimfundiso zezithandi zobulumko zamandulo xa ecacisa iinkolelo zawo. Kwakutheni? Ayefuna ukwamkelwa zizifundiswa zobuKhosi baseRoma aze ngaloo ndlela aguqule abantu abaninzi.

UJustin Martyr, owayedume ngokuba ngomnye wala maKristu wayekholelwa ukuba isiThethi sikaThixo sabonakala kwizithandi zobulumko zamaGrike kwakude kudala ngaphambi kokufika kukaYesu. UJustin nabanye abefundisi ababeneembono ezifana nezakhe babesithi intanda bulumko neentsomi zazibenza ubuKristu buthandwe ngabo bonke abantu.

Uhlobo lobuKristu olwalufundiswa nguJustin Martyr lwalandelwa ngabantu abaninzi. Noko ke, ntsomi nganye eyafundiswayo yakhokelela kwezinye iintsomi, waza ke umphumo waba yile mfundiso ikhoyo namhlanje ebizwa ngokuba bubuKristu. Ukuze ukwazi ukuzibona ezi ntsomi, thelekisa into ezithethwa ziincwadi ezikumanqaku alandelayo noko kufundiswa yiBhayibhile.