I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO (YOKUFUNDISA) JUNI 2014

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba kufanelekile ukutshiswa kwesidumbu somKristu?

Akukho ndawo eZibhalweni ekwalelayo ukutshiswa kwezidumbu.

Zikho iivesi zeBhayibhile ezithetha ngokutshiswa kwezidumbu okanye amathambo. (Yosh. 7:25; 2 Kron. 34:4, 5) Oku kwakusenokuthetha ukuba abo bantu abafanelwanga kukungcwatywa ngesidima. Kodwa ukutshiswa kwesidumbu kwakungasoloko kuthetha loo nto.

Oku sikubona kwingxelo engoKumkani uSawule noonyana bakhe abathathu. Bobane bafela edabini besilwa namaFilisti. Omnye waba nyana yayinguYonatan, umhlobo onyanisekileyo kaDavide. Xa amaSirayeli angamakroti awayehlala eYabheshe-giliyadi eva into eyenzekileyo, athatha ezo zidumbu, azitshisa aza angcwaba amathambo. Kamva uDavide wawancoma loo maSirayeli ngento ayenzileyo.1 Sam. 31:2, 8-13; 2 Sam. 2:4-6.

IZibhalo zithembisa ukuba abafileyo baza kuvuswa—le yindlela uThixo aza kubabuyisela ngayo abantu ebomini. Enoba isidumbu somntu ofileyo sitshisiwe okanye akunjalo, uYehova akanakuxakwa kukubuyisela loo mntu ebomini, emnika umzimba omtsha. AmaHebhere amathathu awayethembekile nawayeza kuphoswa ezikweni lomlilo ngokomyalelo kaKumkani uNebhukadenetsare ayengenasizathu sakoyika ukuba uThixo akanakukwazi ukuwavusa, kuba nje etshe aluthuthu. (Dan. 3:16-18) Kwakunjalo nangabakhonzi bakaYehova abathembekileyo ababebulawa baze batshiswe kwiinkampu zoxinaniso zamaNazi. Abakhonzi bakaThixo abahlukahlukeneyo baye babulawa ziziqhushumbisi nazezinye izinto eziye zabashiya beluthuthu. Sekunjalo, sinokuqiniseka ukuba baza kuvuswa.ISityhi. 20:13.

UYehova akanyanzelekanga ukuba aphinde adibanise kwalaa mzimba mdala womntu ukuze amvuse. Oku kubonakala kwindlela awavusa ngayo amaKristu athanjisiweyo aza kuphila ezulwini. NjengoYesu, ‘owenziwa waphila esemoyeni,’ amaKristu athanjisiweyo avuswa enobuntu bawo, iimvakalelo neenkumbulo, kodwa kumzimba onjengoweengelosi. Umzimba wawo omdala awuyi ezulwini.1 Pet. 3:18; 1 Kor. 15:42-53; 1 Yoh. 3:2.

Ithemba lovuko esinalo alixhomekekanga kwindlela ongcwatywe ngayo umzimba, kodwa lixhomekeke kumandla nomnqweno uThixo anawo wokuzalisekisa izithembiso zakhe. (IZe. 24:15) Ewe kona, asinakuyiqonda ngokupheleleyo indlela uThixo awabavusa ngayo abantu ngaphambili nendlela aza kukwenza ngayo oku kwixesha elizayo. Sekunjalo, sithembele ngokupheleleyo kuYehova. Xa wavusa uYesu, wayesinika “isiqinisekiso.”IZe. 17:31; Luka 24:2, 3.

AmaKristu amele acingisise ngendlela ezijongwa ngayo izinto ekuhlaleni nangemithetho ephathelele ukungcwatywa kwabantu. (2 Kor. 6:3, 4) Ngoko, isigqibo sokutshiswa kwesidumbu sixhomekeke kumntu okanye kwintsapho.