I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO (YOKUFUNDISA) FEBRUWARI 2014

Le Mboniselo ithetha ngeziganeko ezibangel’ umdla ezikwiNdumiso 45. Isinceda siqonde nendlela uYehova uThixo anguMlungiseleli, uMkhuseli, noMhlobo osenyongweni ngayo.

Zukisani UKristu—UKumkani Ozukileyo!

Zisichaphazela njani thina namhlanje iziganeko ezibangel’ umdla ezichazwa kwiNdumiso 45?

Yibani Nemihlali Ngenxa Yomtshato WeMvana!

Ngubani umtshakazi, ibe uKristu ebemlungisa njani ukuze alungele umtshato? Ngoobani abaza kuba nemihlali ngenxa yomtshato weMvana?

Umhlolokazi WaseTsarefathi Wavuzwa Ngenxa Yokholo Lwakhe

Ukuvuswa konyana womhlolokazi kwaba sesinye seziganeko ezomeleza ukholo lwakhe. Sifunda ntoni kuye?

UYehova—UMlungiseleli NoMkhuseli Wethu

Mxabise uYehova uThixo njengoBawo wethu osezulwini. Funda indlela yokomeleza ubuhlobo bakho noThixo onguMlungiseleli noMkhuseli Obalaseleyo.

UYehova—Oyena Mhlobo Usenyongweni

Cinga ngomzekelo ka-Abraham nokaGidiyon, abahlobo abasenyongweni bakaYehova uThixo. Yintoni esimele siyenze ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova?

Imibuzo Evela Kubafundi

AmaYuda enkulungwane yokuqala ayelusekele entwenini ‘ulindelo’ lwawo ngoMesiya?

‘Bona Ukuthandeka KukaYehova’

UKumkani uDavide wamandulo kwaSirayeli, wayelixabisa ilungiselelo esilenzelwe nguThixo ukuze simnqule ngenyaniso. Singavuyiswa njani lunqulo lokwenyaniso namhlanje?

Imbalasane Eyomelez’ Ukholo Igqiba Iminyaka Elikhulu

Kulo nyaka i-“Photo-Drama of Creation,” imbalasane yefilimu eyayenzelwe ukwakha ukholo lokuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo, igqiba iminyaka elikhulu ukususela kumboniso wokuqala.