I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO (YOKUFUNDISA) JULAYI 2013

Le nkupho isinceda sicacelwe ngakumbi kwindlela esiluqonda ngayo ubalo maxesha lweziganeko ezichazwe kwisiprofeto sikaYesu ize isicacisele ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.

“Sixelele, Ziya Kubakho Nini Na Ezi Zinto?”

Yiyiphi indlela entsha esiluqonda ngayo ubalo maxesha lweziganeko ezichazwe kwisiprofeto sikaYesu esikuMateyu isahluko 24 ne-25?

“Khangelani! Ndinani Yonke Imihla”

Umzekeliso kaYesu wengqolowa nokhula uthetha ngexesha lokuhlwayela, ukukhula nokuvuna. Yiyiphi indlela entsha esiliqonda ngayo ixesha lesivuno?

Ukondla Abaninzi Ngezandla Zabambalwa

Yiyiphi indlela uYesu awayisebenzisayo ukondla amabandla enkulungwane yokuqala ngokomoya? Ngaba le yindlela esetyenziswayo namhlanje?

“Ngubani Ngokwenene Olikhoboka Elithembekileyo Neliyingqondi?”

Eli nqaku lisinceda siliqonde kakuhle ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi. Funda ngendlela esixhomekeke ngayo kweli jelo.

Ilungu Elitsha LeQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova

NgoSeptemba 1, 2012, uMark Sanderson waqalisa ukukhonza njengelungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova.

Ukuzimisela Ukukhonza UYehova, Naphi Na

Funda indlela esinye isibini saseNetherlands esafunda ngayo ukuthembela ngokupheleleyo kuYehova ngaphezu nje kweengxaki nokutshintsha kweemeko.

“Khawujonge Lo Mfanekiso!”

Imifanekiso neefoto yenzelwa ukusinceda sicingisise yaye sichukumiseke koko sikufundayo. Inokukunceda njani le mifanekiso ibukekayo?