I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IMBONISELO (YOKUFUNDISA) FEBRUWARI 2013

 Okuphuma Koovimba Bethu

“Imbalasane Engenakulibaleka” Yafika Ngexesha

“Imbalasane Engenakulibaleka” Yafika Ngexesha

“ENGENAKULIBALEKA!” Leyo yindlela abaninzi abayichaza ngayo i-“Creation Drama.” Yafika ngexesha elililo ibe abayibonayo soze bayilibale. Enyanisweni, “iCreation Drama” yanikela ubungqina obukhulu ngoYehova kanye nje ngaphambi kwentshutshiso eqatha yolawulo lukaHitler kubantu bakaYehova eYurophu. Yayiyintoni kanye le “Creation Drama”?

Incwadi ethi Schöpfung (Creation) ekwathiywa ngayo idrama entsha

Ngowe-1914 ikomkhulu lehlabathi labantu bakaYehova elise-Brooklyn, eNew York, eUnited States, lakhulula i-“Photo-Drama of Creation.” Yayiyimifanekiso eshukumayo yeslides seeyure ezisibhozo, enemibala-bala nesandi. Yabukelwa zizigidi zabantu ehlabathini lonke. Kwangaloo nyaka kwakhululwa umboniso omfutshane—i-“Eureka Drama”. Kodwa ngeyee-1920, ezo slides, iifilimu nezixhobo zokuzidlala zazisele zonakele. Kodwa kwakusekho abantu abaninzi abafuna ukuyibona i-“Photo-Drama”. Ngokomzekelo, abantu baseLudwigsburg, eJamani, babebuza ukuba, “Iza kuphinda iboniswe nini i-‘Photo-Drama’?” Yintoni eyayiza kwenziwa?

Ukuze kuhlangatyezwane naloo ntswelo, abazalwana ababephuma kwiBheteli yaseMagdeburg, eJamani, bathenga iifilimu kwijelo leendaba laseParis, eFransi, neeslides kwiinkampani zemifanekiso eLeipzig naseDresden. Ezi zinto zadityaniswa neeslides ezazisasebenza ze-“Photo-Drama.”

UMzalwan’ uErich Frost, imvumi enesiphiwo, waqamba umculo oza kudlalwa nezo filimu neeslides. Amazwi alapho acinywa kwaza kwavakala elombalisi njengoko wayefunda kwincwadi ethi Creation. Yiloo nto eyabangela ukuba le “Photo-Drama” ithiywe eli gama litsha lithi—“Creation Drama.”

Nayo le intsha yayithabatha iiyure ezisibhozo, ibe yayidlalwa ngokweziqendu suku ngalunye. Yayineenkcukacha ezibangela umdla ngeentsuku zokudala, ihlolisisa imbali yeBhayibhile neyehlabathi, ngoxa ibonisa indlela abaphoxwe ngayo abantu lunqulo lobuxoki. Le “Creation Drama” yabukelwa eOstreliya, eJamani, eLuxemburg, naseSwitzerland, kuquka amaJamani awayehlala kwezinye iindawo.

UErich Frost nomculo awawuqambela i-“Creation Drama”

UErich Frost wathi: “Xa kubukelwa le Drama, ndandidla ngokukhuthaza abo ndisebenza nabo, ngakumbi abo badlala iokhestra, ukuba basebenzise ixesha lekhefu ukuze banike ababukeli iincwadi neencwadana zethu. Le ndlela yasinceda  sasasaza iincwadi ezininzi kunokuba kwakunjalo xa siye kwindlu ngendlu. UJohannes Rauthe, owayeququzelela ukubukelwa kwale Drama ePoland nakwelo kuthiwa yiCzech Republic namhlanje, ukhumbula ukuba abaninzi babeshiya iiadresi zabo ukuze batyelelwe. Ezo adresi zazisinceda sibe nabantu esiza kubuyela kubo.

Ngeyee-1930, iiholo zazizala ntli yile “Creation Drama”, amaNgqina kaYehova engundaba mlonyeni. Ngowe-1933, phantse yaba sisigidi sabantu ababukela le Drama yayilungiselelwa yiofisi yesebe laseJamani .UKäthe Krauss uthi: “Ukuze sibukele loo Drama, iintsuku ezintlanu sasihamba iikhilomitha ezilishumi ukuya kuphela sinqumla ematyholweni, sisihla sinyuka iinduli sinqumla neentlambo.” UElse Billharz uthi: “I-‘Creation Drama’ yandinceda ndayithanda inyaniso.”

UAlfred Almendinger uthi xa umama wakhe wabukela le Drama “wayengawuvali umlomo, kangangokuba wathenga iBhayibhile ekhangela igama elithi ‘intlambulo-miphefumlo.’” Wathi akungalifumani eBhayibhileni, wayeka ukuya ecaweni waza wabhaptizwa. UErich Frost uthi: “Baninzi abantu abafumana inyaniso ngenxa yale ‘Creation Drama.’”—3 Yoh. 1-3.

Ngoxa abantu abaninzi babebukela le Drama, nabo ke ubuNazi babukhula ngamandla yaye buqhway’ udushe eYurophu. Ekuqaleni kowe-1933, umsebenzi wamaNgqina wavalwa eJamani. Ukususela ngoko de kwangowe-1945, ukuphela kwemfazwe yehlabathi yesibini, abakhonzi bakaYehova eYurophu batshutshiswa qatha. UErich Frost wavalelwa malunga neminyaka esibhozo entolongweni. Kodwa wasinda waza emva koko wakhonza kwiBheteli yaseWiesbaden, eJamani. Ngokwenene le “Creation Drama” ingenakulibaleka yafika ngexesha elililo ukuze yomeleze amaKristu amaninzi akwazi ukujamelana neemvavanyo zokholo ebudeni beMfazwe Yehlabathi II!—Okuphuma koovimba bethu eJamani.

 

Funda Okungakumbi

Imbalasane Eyomelez’ Ukholo Igqiba Iminyaka Elikhulu

Kulo nyaka i-“Photo-Drama of Creation,” imbalasane yefilimu eyayenzelwe ukwakha ukholo lokuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo, igqiba iminyaka elikhulu ukususela kumboniso wokuqala.