ABANTU BAHLUKE NGEENDLELA EZININZI, BAYABHALA, BAPEYINTE, BENZE IZINTO, BAZE BACINGE NGEEMPENDULO ZEMIBUZO EBALULEKILEYO NGOBOMI. Imibuzo efana nethi: Yayenzelwe ntoni indalo? Sisuka phi? Yintoni injongo yobomi? Kuza kwenzeka ntoni kwixesha elizayo?

Abanye abantu abayibuzi kwaukuyibuza le mibuzo kuba besithi kunzima ukufumana iimpendulo zayo. Abanye bathi uchitha ixesha lakho ngaloo mibuzo kuba ubomi bazivelela. Uprofesa wezembali nebhayoloji uWilliam Provine uthi: “Akukho thixo, yonke into ayinanjongo. Akukho ndawo zisuka kuyo iinkolelo zabantu, ubomi abunanjongo.”

Abanye abantu abavumelani naye. Bathi indalo inemithetho. Bamangaliswa yindlela eyenziwe ngayo kangangokuba abanye bade bazame ukukopa kuyo xa besenza izinto. Izinto abazibona kuyo zibenza babone ukuba idalwe ngumntu okrelekrele.

Ngenxa yale nto, abantu abebekholelwa ukuba izinto zazivelela baye bayitshintsha indlela abacinga ngayo. Nantsi imizekelo:

UGQIRHA WENGQONDO UALEXEI MARNOV. Uthi: “Ndafunda kwizikolo ezazifundisa ukuba akukho Thixo nokuba izinto zazivelela. Kwakusithiwa umntu okholelwa kuThixo ulahlekisiwe.” Ngo-1990, wayitshintsha indlela acinga ngayo.

Uthi: “Bendisoloko ndifuna isizathu esivakalayo sendlela izinto ezenzeka ngayo, njengengqondo yomntu. Kunyanisiwe xa kusithiwa eli lungu lomzimba lenziwe ngeyona ndlela kunzima ukuyiqonda kwindalo yonke. Kodwa ngaba ingqondo idalelwe ukuba umntu abe nolwazi nobuchule, emva koko afe? Ibonakala ingavakali kakuhle loo nto. Ngoko ndazibuza: ‘Kutheni silapha? Yintoni injongo yobomi?’ Ndacingisisa kakhulu ngale mibuzo ndaza ndabona ukuba inoba ukho uMdali.”

Ngenxa yokuba uAlexei wayenomdla wokwazi injongo yobomi, wafundisisa iBhayibhile. Ekuhambeni kwexesha, umfazi wakhe ongugqirha nowayengakholelwa kuThixo, wafunda iBhayibhile. Phofu ekuqaleni wayeyifundela ukuphikisa umyeni wakhe. Ngoku bobabini bayakholelwa kuThixo ibe bayayazi ukuba iZibhalo zithini ngenjongo yakhe yokudala abantu.

UGQR. HUABI YIN ONGUSOSAYENSI. UHuabi Yin wafunda ngesayensi waza waphanda ngelanga kangangeminyaka emininzi.

UHuabi uthi: “Ngalo lonke ixesha sifunda ngemimangaliso yendalo, sisoloko sibona indlela elungelelaniswe ngayo, nto leyo ebingenakwenzeka ukuba bekungekho mithetho. Ndandizibuza, ‘Isuka phi le mithetho? Ukuba umntu ophekayo kufuneka ahoye indlela oshushu ngayo umlilo apheka ngawo, lona ilanga liyinikwe ngubani imithetho yendlela elimele libe shushu ngayo?’ Ekuhambeni kwexesha ndabona ukuba impendulo yalo mbuzo ikumazwi eqala ngawo iBhayibhile athi: ‘Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.’”—Genesis 1:1.

Isayensi isivule ingqondo kwimibuzo emininzi yendlela izinto ezenzeka ngayo, njengethi: Zisebenza njani iiseli zengqondo? Likwazi njani ilanga ukukhupha ubushushu nokukhanya? Kodwa uAlexei noHuabi babona ukuba iBhayibhile ineempendulo zemibuzo ebalulekileyo yesizathu sokuba izinto zenzeke, efana nethi: Yayenzelwe ntoni indalo? Kutheni inemithetho? Nokuba kutheni silapha nje?

Xa ithetha ngomhlaba, iBhayibhile ithi: ‘[UThixo] akawudalelanga ilize, kodwa wawubumba ukuba umiwe.’ (Isaya 45:18) UThixo unenjongo ngomhlaba, ibe inqaku elilandelayo liza kuthetha ngokuba ithemba esinalo lexesha elizayo lihambisana naloo njongo.