Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  No. 6 2017

Milford Sound

 AMAZWE NABANTU

Ukutyelela ENew Zealand

Ukutyelela ENew Zealand

MHLAWUMBI kwakumalunga neminyaka eyi-800 eyadlulayo xa uhlanga lwamaMaori lwahamba umgama omde ngolwandle lusiya kuhlala eNew Zealand. Xa lufika apho, lwafumanisa ukuba loo mhlaba wahluke mpela kwiziqithi ezithandwa yimvula zasePolynesia olwalusuka kuzo. Wawuzaliswe ziintaba ezinomkhenkce ongqindilili, amanzi ashushu kunye nekhephu. Emva kweminyaka eyi-400 lulapho, kwafika olunye uhlanga oluvela eYurophu. Namhlanje abantu abaninzi baseNew Zealand baphila ngendlela yakudala awayephila ngayo ama-Anglo-Saxon nabantu basePolynesia. Abona baninzi bahlala edolophini. Ikomkhulu lalapha, iWellington, yeyona dolophu ikumazantsi ehlabathi.

Amachibi anodaka olubilayo kwiSiqithi EsikuMntla

 Nakubeni iNew Zealand iyindawo emi yodwa ehlabathini, nyaka ngamnye kufika abakhenkethi abamalunga neemiliyoni ezintathu ngenxa yezinto ezahlukahlukeneyo ezintle ezilapho.

Umthi onombala wesilivere unokukhula ube mde ngaphezu kweemitha eziyi-10

Kwakucingwa ukuba intaka engakwaziyo ukubhabha ebizwa ngokuba yitakahe ayisekho de kwango-1948

Eli lelona lizwe lineentlobo ezingaqhelekanga nezahlukahlukeneyo zezilwanyana kunye neentaka ezingakwaziyo ukubhabha. Kukho nezirhubuluzi ezifana nolovane ekuthiwa ziituatara, ezinokuphila iminyaka eyi-100, iintlobo ezahlukeneyo zamalulwane nezilwanyana ezinkulu zaselwandle, njengeminenga needolfini.

Yiminyaka ephantse ibe yi-120 ekho amaNgqina KaYehova kweli lizwe. Afundisa iBhayibhile ngeelwimi eziyi-19, ekukho kuzo iilwimi zasePolynesia, isiNiue, isiRarotonga, isiSamoa, nesiTonga.

AmaMaori acula enxibe iimpahla zohlanga lwawo