Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  No. 6 2017

 INQAKU ELINGUMXHOLO | LIYA PHI ELI HLABATHI?

Sifuna Iimpendulo

Sifuna Iimpendulo

UKUBA uba nexhala okanye woyike xa usiva iindaba ezimbi, akuwedwa. Ngo-2014, uBarack Obama owayengumongameli waseMerika wathi abantu abaninzi bacinga ukuba “kuya kusiba kubi gqitha kulo mhlaba kwaye akukho mntu unako ukuwulawula,” ngenxa yeendaba ezimbi abaziva kumaphephandaba.

Kodwa ke, emva nje kokuba ethethe loo mazwi, wachaza indlela ezinokulungiswa ngayo iingxaki ezininzi zalo mhlaba. Wawabiza ngokuba “ziindaba ezimnandi” amacebo awayesenziwa ngurhulumente, watsho esithi amenza abe “nethemba lokuba izinto ziza kulunga.” Lilonke, wayesithi abantu banokukwazi ukulawula umhlaba baze bathintele nengozi ezayo.

Abaninzi banethemba njengaye. Ngokomzekelo, bathembele ngesayensi besithi ukuphucuka kweteknoloji kuza kuzilungisa iingxaki zeli hlabathi. Esinye isazi seteknoloji sade satsho siqinisekile ukuba, ngo-2030 “iteknoloji yethu iza kube inamandla ngokuphindwe kaliwaka, kanti ke ngo-2045 iza kube inamandla ngokuphindwe kayimiliyoni.” Sathi: “Siqhuba kakuhle gqitha. Nangona iingxaki zethu zinkulu nyhani, amacebo ethu okuzilungisa angaphaya kwazo.”

Kubi kangakanani emhlabeni? Ngaba nyhani umhlaba uza kungena engozini kungekudala? Abantu abaninzi banexhala ngekamva nangona abanye oososayensi neenkokeli zepolitiki zisithi izinto ziza kulunga. Kutheni benexhala?

IZIXHOBO EZINOKUBULALA ABANTU ABANINZI NGEXESHA ELINYE. Nangona ziye zazama, iZizwe Ezimanyeneyo neminye imibutho zohlulekile ukwenza amazwe alahle izixhobo zenyukliya. Phofu ezinye iinkokeli ezinenkani ziyayihleka kwaloo mithetho ethi makungenziwa zixhobo zenyukliya. Amazwe ekudala enezixhobo zenyukliya axakekile ephucula iibhombu zawo ezindala ngoxa esenza nezinye ezintsha eziyingozi nangakumbi. Amazwe awayekade engenazo izixhobo eziyingozi ngoku anokubulala inqwaba yabantu ngokuqhwanyaza nje kwelihlo.

Oku kuxhaphaka kwezixhobo zenyukliya kwenza eli hlabathi libe yingozi naxa kulixesha “loxolo.” Enye incwadi ekuthiwa yiBulletin of the Atomic Scientists ithi, “izixhobo eziyingozi ezikwazi ukudubula ‘zibulale’ zingakhange zicofwe ngumntu zenza ixhala.”

 IMPILO YETHU ISENGOZINI. Isayensi ayinakusinceda ngokupheleleyo ukuze sibe sempilweni. Izinto ezibangela izifo, njengehigh blood, ukutyeba kakhulu, ukungcoliswa komoya neziyobisi ziyanda. Baninzi abantu ababulawa zizifo ezingosuleliyo, njengomhlaza, intliziyo neswekile. Liyanda nenani labantu abanezinye izifo, njengokugula ngengqondo. Ukanti kule minyaka idluleyo sisandul’ ukubona izifo eziyingozi njenge-Ebola neZika. Kucacile ke ngoko ukuba abantu abakwazi kulawula izifo kwaye kubonakala ngathi akho themba lokuba ziza kuphela ngenye imini.

ABANTU ABANGCOLISA INDALO. Iifektri ziyaqhubeka zingcolisa umoya. Kufa abantu abaninzi kakhulu nyaka ngamnye ngenxa yokuphefumla umoya omdaka.

Abantu noorhulumente bayaqhubeka belahla ituwa, amayeza amadala, iiplastiki nezinye izinto ezingcolileyo elwandle. I-Encyclopedia of Marine Science ithi: “Ezi zinto zingcolileyo zityhefa izilwanyana nezityalo zaselwandle kunye nabantu abazityayo.”

Namanzi okusela ayaphela. URobin McKie waseBritani obhala ngesayensi ulumkisa athi: “Wonke umntu osemhlabeni uza kuba nengxaki yamanzi.” Abantu beepolitiki bayavuma ukuba ngabantu ababangele ukuba amanzi anqabe kwaye loo nto isibeka engozini enkulu.

INDALO IBULALA ABANTU. Izaqhwithi, iinkanyamba neenyikima zibangela izikhukula eziyingozi, eziqengqa amatye asezintabeni nezonakalisa ngezinye iindlela. Ziye zabulala abantu abaninzi kakhulu kunakuqala, zishiya abanye belusizi. Incwadi yeU.S. National Aeronautics and Space Administration ithi kubonakala ngathi kuseza “izaqhwithi eziyingozi, ulophu olubulalayo nembalela enkulu.” Ngaba indalo iza kubatshabalalisa abantu?

Mhlawumbi sowucinga nangezinye izinto ezinokubabulala baphele tu abantu. Sekunjalo, ukujonga zonke izinto ezimbi ezenzekayo namhlanje akusoze kukunike iimpendulo ezanelisayo ngento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Abanye basenokuthi akusoze uyazi into eza kwenzeka kwixesha elizayo naxa umamela abantu beepolitiki noososayensi. Njengokuba kutshiwo kwinqaku elingaphambi kweli, abaninzi baye bafumana iimpendulo ezibanelisayo ngeemeko zomhlaba nento eza kwenzeka kwixesha elizayo. Zifumaneka phi ezo mpendulo?