Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! NO. 5 2016

Ummangaliso Wendalo

Ummangaliso Wendalo

“Akukho nto ibaluleke ebomini njengekhabhon,” itsho njalo incwadi ethi Nature’s Building Blocks. Ikhabhon iyakwazi ukudibana neminye imichiza eziindidi ezininzi eziye zafunyanwa okanye zenziwa kule mihla.

Njengoko kubonisiwe apha, iiathom zekhabhon ziyakwazi ukudibana zize zimile ngeendlela ezahlukeneyo, zibe ngamatsheyina, izazinge, oonxantathu, amacwecwe nemibhobho. Ngokwenene ikhabhon ngummangaliso wendalo!

IDAYIMANI

Iiathom zekhabhon zenza oonxantathu ababizwa ngokuba ziitetrahedrons, nto leyo eyenza idayimani iqine. Idayimani esulungekileyo yingqokelela yeeathom zekhabhon.

UMSIZI

Iiathom zekhabhon ezixineneyo ziyakwazi ukwahlukana zibe yimicwe enokwahlukaniswa ngokulula ngokungathi utyhila iphepha. Ngenxa yoku, umsizi uyakwazi ukuba yinto yokuqaba okanye udityaniswe ube ngumsizi wokubhala. *

IGRAPHENE

Lo ngumcwe weeathom zekhabhon ezinamacala amathandathu. IGraphene iqine ngaphezu kwentsimbi. Umsizi wento yokubhala unokuba neeathom zegraphene ezingumcwe omnye okanye emininzi.

 IFULLERENE

Olu hlobo lwekhabhon lumile okweebhola ezincinane ezidityaniswe yimibhobho ebizwa ngokuba ziinanotubes. Zilinganiswa ngeemitha ezincinane kakhulu (nanometers).

IZINTO EZIPHILAYO

Iiseli ezikwizityalo, kwizilwanyana nasebantwini zenziwe ngeenxalenye zekhabhon—efumaneka kwiicarbohydrates, amafutha, neeamino acids.

“Iimpawu zakhe [uThixo] ezingabonakaliyo ziqondeka ngezinto ezenziweyo.”Roma 1:20.

^ isiqe. 7 Bona inqaku elithi “Khanindiboleke Ipensile?” KuVukani! kaJulayi 2007.

Funda Okungakumbi

IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO

Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa?

Ibalulekile into oyikholelwayo ngendlela obaqala ngayo ubomi.