I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVUKANI! NO. 3 2016

 INQAKU ELINGUMXHOLO | UKUSUSA UMQOBO WOLWIMI

Ukususa Umqobo Ekudala Ukho

UKWAHLUKA nobuninzi beelwimi ezisehlabathini—ngoku ezimalunga ne-7 000—kunokwenza kube nzima ukukhenketha, ukurhweba, ukufunda nokulawula. Kwakunjalo nangamaxesha amandulo. Ngokomzekelo, malunga no-475 B.C.E., xa kwakulawula uKumkani uAhaswerosi (ekusenokwenzeka ukuba yayinguXerxes I), amaPersi akhupha umbhalo okanye ummiselo kakumkani oya kubo bonke ubukhosi bakhe, “ukusuka eIndiya ukuya eTiyopiya, amaphondo ayi-127, kwiphondo ngalinye ngesimbo salo sokubhala nakwisizwana ngasinye ngolwimi lwaso.” *

Namhlanje, imibutho emininzi—nkqu noorhulumente—abayizami kwaukuyizama le nto inzima kangaka. Inye kuphela intlangano eye yaphumelela ukuwenza lo msebenzi. AmaNgqina kaYehova apapasha iimagazini, izinto ezirekhodwayo, neencwadi ezininzi—kuquka iBhayibhile—ngeelwimi ezingaphezu kwe-750. Phakathi kwazo kukho malunga neendidi eziyi-80 zentetho yezandla. Kwakhona amaNgqina apapasha iindidi ezahlukeneyo zeencwadi zeBraille ukunceda abangaboniyo.

Ngaphezu koko, amaNgqina kaYehova awenzi ngeniso ngale mizamo. Nkqu abaguquleli nabanye abasebenzi bawenza ngokuzithandela lo msebenzi. Kutheni besenza le mizamo ukuze baguqulele kwiilwimi ezingaka, kwaye bakwenza njani oku?

^ isiqe. 3 Bona uEstere 8:9 eBhayibhileni.