Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

UVukani!  |  No. 2 2017

 NGABA YADALWA?

Indlela Ehlala Ngayo Inyosi Eyenza Ubusi

Indlela Ehlala Ngayo Inyosi Eyenza Ubusi

IINYOSI ezenza ubusi ziyakwazi ukuya kuhlala naphi na zingakhange zibetheke. Ziyenza njani loo nto?

Khawucinge ngoku: Ukuze le nyosi iye kuhlala endaweni ingakhange ibetheke kufuneka isehlise kakhulu isantya ebhabha ngaso ingekafiki. Enye yeendlela ezilula zokuyenza le nto kukujonga umgama wendawo eya kuyo ize ihlise isantya. Kodwa ke, izinambuzane ezininzi azikwazi ukuyenza le nto kuba zijonga nje le ndawo ziya kuyo kodwa aziyazi ukuba ikude kangakanani.

Iinyosi ezenza ubusi azifani nabantu, abakwaziyo ukubona kakuhle izinto ezikude nezisemacaleni. Kuzo, indawo eziya kuyo iya isiba nkulu xa zisondela. Uhlolisiso olwenziwe yiAustralian National University lubonisa ukuba inyosi eyenza ubusi iye yehlise isantya ebhabha ngaso ukuze le ndawo iya kuyo ihlale iyibona kakuhle. Ifika kuloo ndawo isantya sayo sesiphantsi kakhulu kangangokuba ayibetheki xa ihlala.

Imagazini iProceedings of the National Academy of Sciences ithi: “Le ndlela ihlala ngayo endaweni . . . isemagqabini yaye ifanele isetyenziswe xa kusenziwa iirobhothi eziza kubhabha.”

Ucinga ntoni? Ngaba indlela ehlala ngayo inyosi eyenza ubusi yazivelela? Okanye yadalwa?